1. Sele zivunyiwe izindululo zokugqibela zomgaqo-nkqubo weNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke. Isaziso malunga noku sivele kwiGazethi kaRhulumente 25545, iSaziso 1407 somhla we-6 Oktobha 2003. Esi saziso singafundwa kwikhompyutha ngokuya apha http://www.gov.za/gazette/notices/2003/25545.pdf (ubukhulu: 211 KB).
2. Isethi epheleleyo yamaxwebhu eNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke (NCS) iyafumaneka kwikhasi leziko leWebhu elingeMfundo eQhubelekayo noQeqesho (Ezikolweni)” leCandelo leKharityhulam le-WCED "apha http://curriculum.wcape.school.za/index, phantsi kwesihloko "Policies, Circulars, Guidelines and Learning Support".
3. La maxwebhu aquka ezi zihloko zibalulekileyo "Isishwankathelo' kunye "NoMgaqo-nkqubo omalunga namaBanga eMfundo noVavanyo kumaBakala 10-12 (Jikelele)” (“Overview” and “Qualifications and Assessment Policy Framework Grades 10-12 (General)" anayo yonke imigaqo elawula iNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke nemayifundwe ngenyameko. Ngaphezulu, kukho ifayili eyodwa yesifundo ngasinye.
4. Kufuneka isikolo ngasinye sifumane isethi epheleleyo yamaxwebhu avela kwiSebe leMfundo likaZwelonke kwangoko kunyaka ka-2004. Ngokwesicwangciso kufaneleke ukuba abe sele eshicilelwe ngoNovemba.
5. Imibuzo ngeekopi zamaxwebhu e-NCS ingathunyelwa kuMnu S. Sekese apha: 123 Schoeman Street, PRETORIA 0001 okanye kule feksi (012) 328 2128 / 328 9828, Ifoni: (012) 312 5212, i-imeyili: sekese.m@doe.gov.za .


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:12

Note that paragraphs 1 & 2 of this circular have been adapted for use via the Internet.