1. Kucelwa nikhangele kwiSetyhula 0074/1998 yowama-29 Juni 1998 ekwathi kuyo kwabhengezwa umgaqo-nkqubo wamatheko okuphela konyaka namathuba okuphuma kuye kuthengelwa iKresmesi. Ukwenzela ukususa nokuphi na ukubhideka kubasebenzi ngokumalunga neyona nto elindelekileyo kubo kunye neyona nto kanye ivumelekileyo okanye engavumelekanga, iyaphindwa le ngcaciso ngenjongo yokulungiselela nina.
1.1 Ukongeza kumnyinyiva (concessions) odla ngokunikwa ekupheleni konyaka ngamnye malunga nokuncitshiswa kwexesha lomsebenzi kuze kuphunywe kwangoko nge-24 nange-31 Disemba, baya kuvunyelwa abasebenzi ukuba baye kwisidlo sasemini esinye qwaba setheko leKresmesi ngeli thuba leeholide. Esi sidlo sasemini sinokuba lulo naluphi na uhlobo, kodwa asisayi kuqala kwangoko ngaphambi kwexesha eliqhelekileyo lesidlo sasemini, elileli 12:30. Nakuba kunjalo abasayi kunyanzelwa abasebenzi ukuba babuyele ezi-ofisini zabo emva kwesidlo eso.
1.2 Akukho zicelo zizezinye ezimalunga nokunikwa ixesha lokuya kuthengela iKresmesi okanye ukuya kwamanye amatheko ziya kuvunywa.
1.3 Kukwabalulekile ukuba amalungiselelo ala matheko enziwe ngokusebenzisana nabaphathi bamacandelo (abakwinqanaba loMlawuli) abachaphazelekayo. Kuphela licandelwana elinye lelo candelo emalivunyelwe ukuba liphume kwisakhiwo ngexesha ngalinye. Abasebenzi bamanye amacandelwana mababekho ukuze benze imisebenzi engundoqo (essential services) baphendule nefoni emva kokuba kwenziwe amalungiselelo ayimfuneko neswishibhodi (switchboard).
1.4 Onke amatheko makaqhutywe ngoDisemba ukwenzela ukuqinisekisa ukuba umsebenzi awuphazanyiswa nanini na ngaphambi koku.
2. Kucelwa wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:10