1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liqaphele ukuba kukho ukungangqinelani ekutolikweni nasekusetyenzisweni kwemiba emininzi yezomthetho yemiGaqo eLawula aBasebenzi (Personnel Administration [PAM]. Lo mgaqo-nkqubo oqhotyoshelweyo weSebe leMfundo leNtshona Koloni ongokulawulwa kwexesha lomsebenzi labo bonke ootitshala abakumaziko emfundo waqulunqwa ngenjongo yokucacisa ngakumbi nokulungelelanisa inkqubo noko kufunwa yimigaqo yomthetho. Injongo yalo mgaqo-nkqubo intlantlu-ntathu. |
1.1 |
|
Okokuqala, injongo yalo mgaqo-nkqubo kukulungisa iindlela ezininzi zokutolikwa nokusetyenziswa kwe-PAM ngokumalunga nexesha elisetyenzwa ngootitshala kunye nayo yonke imiba echaphazela oku. Ukwazi ukuphendula imibuzo yoluntu ngomsebenzi owenzayo (public accountability) kufuna ukuba bonke abasebenzi bakarhulumente bayithobele imithetho nemigaqo-nkqubo emiselweyo. |
1.2 |
|
Okwesibini, injongo yalo mgaqo-nkqubo kukuqalisa inkqubo efanayo kuwo onke amaziko eSebe leMfundo leNtshona Koloni ngokumalunga nemigaqo yomthetho enxulumene nexesha emalisetyenzwe, imisebenzi eyenziwayo kunye nobungakanani bomsebenzi wootitshala abakumaziko emfundo. |
1.3 |
|
Okwesithathu, injongo yalo mgaqo-nkqubo kukukhusela ilungelo labafundi lokufumana imfundo ngexesha elabelwe le njongo. Abazali balindele ukuba abantwana babo bazuze ngokupheleleyo imfundo lo gama besesikolweni. ISiqendu 28 [soMthetho wamaLungelo oLuntu] kumGaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika sicacisa sithi “Ezo zinto zilungiselela ngeyona ndlela ibhetele umntwana zibaluleke kakhulu kuyo nayiphi na imeko echaphazela umntwana. ("A child’s best interests are of paramount importance in every matter concerning the child.") |
2. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukuvakalisa uthakazelelo nombulelo walo kwezo zikolo nakootitshala abenza umsebenzi wabo ngenkuthalo, maxa wambi bekwenza oko phantsi kweemeko ezinzima kakhulu. Siyayincoma kakhulu indlela entle ootitshala abawenza ngayo umsebenzi wabo de bancame ixesha labo bezenza idini ngokuthi bazinikele ekuphumezeni ikharityhulam belungiselela abantwana bethu ikamva. Asiyonjongo yalo mgaqo-nkqubo ukuthandabuza ukuzimisela kootitshala emsebenzini, koko eyona njongo kukunika inkxaso kwiikomiti zolawulo lwezikolo (school management teams), ukuba zisebenzise inkqubo efanayo yaye ziphucule umgangatho wokwenziwa kweenkonzo kubafundi kuzo zonke izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni. |
3. |
Olu xwebhu lomgaqo-nkqubo, nolubandakanye yonke imiba, lukwasisixhobo solawulo esisekwe phezu kwemigaqo yomthetho, lusisiphumo seengxoxo zothetha-thethwano ezibanzi eziye zaqhutywa namacandelo akwaNdlunkulu, abalawuli bee-EMDC nabasebenzi abalapho, kwakunye neBhunga lePhondo lezeMfundo lezobuDlelwane emiSebenzini (Provincial Education Labour Relations Council - PELRC). |
4. |
Kufuneka lo mgaqo-nkqubo ufundwe kunye nezi Setyhula 21/99, 52/99, 112/99, 14/2000, 114/2000, 40/2002, 97/2002, 162/2002 no-54-66/2003. Azitshitshiswanga ezi setyhula zikhankanywe apha ngasentla kuloko, apho kukho iyantlukwano kuzo nakulo mgaqo-nkqubo malunga nezolawulo, lo mgaqo-nkqubo uya kusamela/kongama koko kuqulathwe zezi setyhula.
Khangela kwakhona eli nqaku "Instructions to schools and recipients" apha ngasezants.
|
5. |
Lo mgaqo-nkqubo uya kusebenza ngoko nangoko kuzo zonke izikolo zikarhulumente nakumaziko emfundo eSebe leMfundo leNtshona Koloni, kodwa ke la maziko aya kunikwa ithuba eliya kutsho kuJanuwari 2004 ukuba alungise izicwangciso zamaxesha zawo. |
6. |
Nceda wazise okubhalwe kule setyhula nakulo mgaqo-nkqubo bonke ootitshala namalungu ebhunga lolawulo ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo. Mabacelwe ootitshala ukuba bayifunde le setyhula kunye nomgaqo-nkqubo, baze ke basayine yaye babhale nomhla kwifom eqhotyoshelweyo eyile “Acknowledgement of receipt of information”, oko kuthi, ifom yokuvuma ukuba uyifumene ingcaciso echaphazelekayo. Ifom esayiniweyo mayifakwe efayilini nale setyhula. |
ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:28
"Instructions to schools and recipients:
A Xhosa version of the policy document will be available at the Directorate IMGP later. Please contact the Directorate Institutional Management & Governance Planning [IMGP] at head office for information.
The delegation document should be printed and attached to the policy document, as it is part of it.
The principal's report document is also part of the circular and should be printed by the principal to be completed and handed to the circuit manager at the end of March 2004. This is to evaluate the policy and its impact on schools.
NB:
Principals are requested to first work through the policy document with their Circuit Managers to ensure correct interpretation before the document is made available and explained to the school's staff."
|
|