1. Injongo yale ncwadana "IziKhokelo ezinguNdoqo zeNdlela yokuZiphatha eyaMkelekileyo emSebenzini"1 eyaziswa uluntu ngoMeyi 2003, kukubethelela nokugxininisa imfundiso efanelekileyo nefanayo kubo bonke abaqeshwa boLawulo lwePhondo leNtshona Koloni khona ukuze babe nakho ukunikezela iinkonzo ezinempumelo, ezisemgangathweni nezifanelekileyo kubantu baseNtshona Koloni.
1 Olu xwebhu lufumaneka kuphela lungamaphepha ashicilelweyo yaye kwakwenziwa isicelo.
2. Le ncwadana yaqulunqwa njengesikhokelo ekulula ukusisebenzisa sokuziphatha ngokufanelekileyo nokunikezela iinkonzo ezigqibeleleyo yaye ayiyoncwadana yemithetho emiselweyo okanye ayilo xwebhu lomgaqo-nkqubo ongqongqo nongenakujikwa.
3. Le migaqo siseko ibhekiselele kuba sebenzi bakarhulumente kuphela, kwaye uyacelwa ukuba unikezele ngekopi yale ncwadana evalelweyo kumalungu abasenzi abakwi candelo/iEMDC/kwiziko lemfundo. Ungafumana inkcukacha ephangaleleyo kwiNdlela yokuZiphatha kwaba Fundisi-ntsapho, kwisaSahluko 4, amaphepha 4 - 9 kunye 4 - 11 kwimithetho yemiButho yabaFundisi-ntsapho baseMzantsi Afrika, 1999 (South African Council for Educators, 1999)
4. Intloko nganye yecandelo, ye-EMDC okanye yeziko lemfundo mayincede iqinisekise ukuba bonke abaqeshwa benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwayo bayifumene le ncwadana yaye bayakuqonda okuqulethwe yiyo ngokuthi bangenise isiHlomelo A bazalise zonke iinkcukacha bazidlulisele kuMlawuli: weCandelo lezoLawulo lwaBasebenzi (beNkonzo kaRhulumente) (ukuba zithathelwe ingqalelo nguMnu BG Jacobs), Room 10-19, Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, 8001, ungadlulanga umhla we-12 Februwari 2004.
5. Nayiphi na imibuzo emalunga noku, tsalela umnxeba uNkskz M de Wet, kule nombolo (021) 467-2474 okanye ku-Mnu B Jacobs, kule nombolo (021) 467-2908.
6. Siya kuyivuyela intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU- J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:17

iHlomelo A  (ubukhulu: 13 KB)