1. Ukususela ekusekweni kwalo eli Sebe leMfundo leNtshona Koloni ngowe-1995 lisoloko lambethwe ngumngeni wokuhlangabezana neemfuno zezemfundo kweli phondo ngokwanelisayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba bonke abafundi banikwa amathuba okufunda alinganayo.

2. Oku kuthetha ukwakhiwa kwezikolo ezitsha okuqhubeka okokoko apho kukho imfuno emandla kakhulu kodwa kwangaxeshanye kuqinisekiswe ukuba izibonelelo esele zikho zisetyenziswa ngeyona ndlela inenzuzo enkulu.

3. Ukungqinelana nalo mgaqo-nkqubo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni ligqibe ekubeni lenze isicwangciso sezemfundo see-EMDC ezisemaphandleni. Ezi zicwangciso eziseyidrafti ziya kusetyenziswa njengamaxwebhu okuhlokoza ingxoxo ngethuba leengxoxo nabahlali abangqonge izikolo ukwenzela ukuba de kufikelelwe ekuthathweni kwezigqibo zokugqibela ngabo bonke, zibandakanya oku kulandelayo:
  • Ukuvalwa kwezikolo ezincinane ezinabafundi abangaphantsi kwama-25

  • Ukuvalwa kwezikolo ezincinane ezinabafundi abangaphezu kwama-25 apho ukuvalwa kwazo kucelwe ngabahlali abangqonge isikolo lize neSebe leMfundo leNtshona Koloni likholelwe ukuba eso sicelo yeyona nto ilungileyo nefanele ukwenziwa

  • Ukufakwa kootitshala abachatshazelwe kukuvalwa oko kwizithuba zokufundisa ngokungqinelana neemvumelwano ezikhoyo ngoku

  • Ukudityaniswa kwezikolo ezikwiidolophana ezincinane apho kungekho sizathu sifanelekileyo sokubangela ukuba kubekho izikolo ezahlukeneyo

  • Ukunatyiswa kwekharityhulam idlulele kumaBakala 8 no-9 apho kunokwenzeka oku, ukwenzela ukuba abafundi bahambe isikolo besuka emakhayeni abo kangangoko oku kunokwenzeka

  • Ukunatyiswa kolwimi ekufundiswa ngalo ukwenzela ukuba inani elandayo labafundi abanemfuno elolu hlobo babe nokufundiswa ngolwimi lwesiNgesi/abaluthetha ekhaya

  • Ukunatyiswa nokuncitshiswa kwezikim zothutho lwabafundi. Umba omawuxoxwe apha kukuba akunakube kuthuthwa abafundi besiwa kwisikolo esikwenye idolophu kusetyenziswa iskim sothutho lwabafundi seSebe eli lo gama kuloo dolophu yabo sikho isikolo esikufuphi nesifanelekileyo

  • Ukusekwa kwamaziko emfundo yeFET aza kufundisa izifundo ezingqinelana neemfuno zedolophu leyo ezichaphazela ihlabathi liphela

4. Kucetyiswa le ndlela yokwenza izinto (modus operandi) ilandelayo:
  • IForum yeeNgxoxo ngezeMfundo, eyenziwa ngaba, inqununu nebhunga lolawulo lesikolo ngasinye esichaphazelekayo nomphathi wesekethe (njengomququzeleli- facilitator) eya kusekwa kwidolophu nganye. Bangamenywa abanye abathathi-nxaxheba ukuba kunqwenelwa oko.

  • Ukucwangcisela iimfuno zehlabathi ekubonelelweni kwemfundo yidolophu nganye kuya kwenziwa ngokubambisana neForum yeeNgxoxo ngezeMfundo. Ukusetyenziswa ngeyona ndlela inenzuzo enkulu kwesakhiwo sesikolo ngasinye iya kuba yeyona nto iyintsusa-mabandla yezi ngxoxo.

  • Kuya kuqhutywa uthetha-thethwano nemibutho yabasebenzi.

5. Izigqibo zokugqibela ngokumalunga nesi sicwangciso sezemfundo siya kwenziwa kuphela emva kokuba
  • bonke abahlali abachaphazelekayo bechazelwe ngokwaneleyo

  • kwimeko yokuvalwa okanye yokudityaniswa kwezikolo okungenzeka kwakunye nokunatyiswa/nokuncitshiswa kwezikim zothutho, kubanjwe iingxoxo zasesidlanga-laleni apho onke amaqela achaphazelekayo angafaka igalelo lawo kwezo ngxoxo

  • igalelo elikhankanywe apha ngasentla lingeniswe kuMphathiswa weMfundo.

6. Njengoko lo ingumbandela o-ethe-ethe kakhulu, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kuzama kangako ukuwusingatha nalo kwangolo hlobo.

7. Le setyhula ithatha indawo yeSetyhula 0042/2003 kwaye bonke abantu abachaphazelekayo mabaziswe ngayo.


ISAYINWE:NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:29