1. IKhomishoni yoNyulo eZimeleyo (Independent Electoral Commission - IEC) iqalise ngephulo lokwazisa ngonyulo lukazwelonke oluza kuqhutywa ngo-2004. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyalixhasa eli phulo yaye linqwenela ukuvakalisa ukuba abafundi nabazali bayakhuthazwa ukuba basebenzise iinkonzo ezikhoyo ezilungiselelwe ngamasebe karhulumente achaphazelekayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba bayabhaliswa njengabavoti kolu nyulo luzayo.
2. Ngako oko ke, ziyacelwa iinqununu ukuba zikhuthaze abafundi ababudala buli-16 leminyaka nangaphezulu ukuba bafumane mahala isazisi esiluhlaza esinebha-khowudi ukuba abakabinaso. Apho amanani akuvumelayo oku, iinqununu zingenza amalungiselelo neSebe leMicimbi yaseKhaya (Department of Home Affairs) ukuba libonelele ngoomahamba-nendlwana (mobile units) okanye ngabasebenzi kwakwenziwa isicelo soko ukuba basingathe ezi zicelo. Kungenjalo mabakhuthazwe abafundi nabazali ukuba baye koomahamba-nendlwana okanye kwii-ofisi zezithili zeSebe leMicimbi yaseKhaya ukuya kufumana izazisi.
3. Ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba zenze uphando oluquphayo malunga nabo bafundi abaya kuba befikelele kubudala beminyala eli-18 nangaphezulu, ngako oko ke abaya kuba befanelekile ukuba bangavota ngosuku lonyulo. Apho baliqela mpela abafundi esikolweni abangekabhalisi njengabavoti, izimisele iKhomishoni yoNyulo eZimeleyo ukuba ikhuphe igosa okanye amagosa ukulungiselela le njongo-kwakwenziwa isicelo soko. Ukuba kuthi kungabikho ndlela yakuwenza la malungiselelo, mabakhuthazwe abafundi abachaphazelekayo ukuba babhalise kwii-ofisi zikamasipala wakuloo ndawo, kwii-ofisi zezithili okanye kwiikliniki zalo ndawo. Nayiphi na imibuzo ngokumalunga noku mayibhekiswe kwii-ofisi zezithili zeSebe leMicimbi yaseKhaya ezilapho okanye kule nombolo yefoni yamahala 0800 11 8000.
4. Kucelwa wazise bonke abasebenzi, amalungu ebhunga lolawulo kunye nabazali nabafundi besikolo eso okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:05