ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukubulela zonke izikolo ezathatha inxaxheba kukhuphiswano lwenkcubeko elilifa lethu kwiphondo nakuzwelonke ngenkxaso nomdla wazo.

Ukhuphiswano lwephondo lwaba yimpumelelo. Sinqwenela ukubulela ngokukodwa iKwayara yaBadala yePrayimari yaseSarepta ngomculo wayo omangalisayo ngethuba kuvulwa olu khuphiswano. Abaphumelele kumahlelo ngamahlelo okhuphiswano lwephondo bagqithela phambili baya kuthatha inxaxheba kumnyhadala wokhuphiswano kazwelonke obubanjwe ukususela kumhla wama-21 - 24 Septemba eKapa.

Abafundi baseNtshona Koloni kwakhona baqhube kakuhle kwinqanaba likazwelonke, ngokukodwa kumacandelo ezobugcisa bokubonwa ngeliso (visual art), ekubhaleni nasekwenzeni iintetho.

Siyavuyisana nabo bonke abaphumeleleyo, kwiphondo nakuzwelonke.  Luqhotyoshelwe kolu xwebhu uluhlu lwabaphumeleleyo.  Sivuyisana ngokukodwa no-Angy Hendricks wase-Point High School, eMossel Bay oza kuthi, nabanye abafundi abasuka kumaphondo asibhozo, abe ngomnye woonozakuzaku bolutsha eMali ngoJanuwari 2004.

Kunyaka ozayo kuza kube kubhiyozelwa iminyaka elishumi yedemokhrasi yethu yaseMzantsi Afrika. Ngenxa yesi sizathu, sinqwenela ukukhuthaza izikolo ukuba zenze iinzame ngokukodwa zokungenela ukhuphiswano lwenkcubeko elilifa lethu ngowe-2004.



ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:11:10

ABAPHUMELELE KUKHUPHISWANO LWENKCUBEKO ELILIFA LETHU  (ubukhulu: 13 KB)
UKHUPHISWANO LWENKCUBEKO ELILIFA LETHU LWESEBE LEMFUNDO LIKAZWELONKE  (ubukhulu: 5 KB)