1. Le setyhula mayifundwe kunye nale kwiSetyhula 0171/2000: Senior Secondary Course: Programme requirements for the recognition of UNISA Practical Music Examination, Grades 6, 7 and 8 and Performer's Licentiate in Music for Senior Certificate.
2. ISebe leMfundo likazwelonke lazise amaphondo ngalen setyhula S1/2003 ngemiqathando yokuvunywa kweemviwo eziqhutywa yiTrinity College of London (TCL) ukulungiselela iinjongo zeSatifikethi seMatriki.
3. Ezi zicwangciso zilandelayo zinika izifundo zeSatifikethi seMatriki ezilingana nezo zeemviwo zase-UNISA nezaseTCL. Qaphela ukuba kufuneka kupaswe omabini amacandelo elo lenziwayo (practical) nelo libhalwayo (theoretical component).
Unisa Practical Music ExaminationTheoretical component requirement to be passedSenior Certificate equivalentMaximum marks for aggregate
Grade 6 Grade 5 Music SG 300
Grade 7 Grade 5 Music HG 400
Grade 8 Grade 6 Music HG 400
Performer's Licentiate in Music Grade 7 Music HG 400

Trinity College of London Practical Music ExaminationTheoretical component requirement to be passedSenior Certificate equivalentMaximum marks for aggregate
Grade 6 Grade 6 Music SG 300
Grade 7 Grade 6 Music HG 400
Grade 8 Grade 7 Music HG 400
Performer's Certificate, Associate Grade 7 Music HG 400
Performer's Licentiate in Music Grade 8 Music HG 400

4. Njengoko ipesenti yokupasa kuzo zombini ezi Mviwo zeNziwayo (Practical Examinations) zaseTCL nase-Unisa zahlukile kuViwo lweMatriki, kuza kwahluka ukwabiwa kwamanqaku ukulungiselela iinjongo zoViwo lweMatriki kwipesenti kanye (actual percentage) efunyenwe kwezi mviwo zimbini sezikhankanyiwe ngaphambili. Athotyiwe amanqaku ukwenzela ukuba alungelelaniswe neesimboli kunye namanqaku okupasa nawokupasa emagqabini. Izifundo ezikuHlelo oluPhezulu (HG) zinamanqaku angama-400 zize izifundo ezikuHlelo oluPhakathi (SG) abe ngama-300. Olu tshintsho lwenziwe ngolu hlobo:
Trinity Music Grade 6: % 0-38 39-48 49-58 59-64 65-67 68-72 73-76 77-80 81-84 85-100
Symbol H GG G FF F E D C B A
Subject total for SG   0-59   60-74   75-89   90-99 100-119 120-149 150-179 180-209 210-239 240+

Trinity Music Grade 7: %  0-32 33-40 41-48 49-54 55-64 65-70 71-74 75-79 80-84 85-100
Symbol H GG G FF F E D C B A
Subject total for HG 0-79 80-99 100-119 120-133 134-159 160-199 200-239 240-279 280-319 320+

UNISA Music Grade 6: %  0-30 31-37 38-45 46-49 50-55 56-62 63-70 71-77 78-84 85-100
Symbol H GG G FF F E D C B A
Subject total for SG   0-59   60-74   75-89   90-99 100-119 120-149 150-179 180-209 210-239 240+

UNISA Music Grade 7: %  0-24 25-31 32-37 38-41 42-49 50-58 59-67 68-76 77-84 85-100
Symbol H GG G FF F E D C B A
Subject total for HG 0-79 80-99 100-119 120-133 134-159 160-199 200-239 240-279 280-319 320+

5. Masingedluli kwesinye isifundo saseTrinity College OKANYE sase-Unisa esenziwayo (Practical Music subject) emasenziwe kunye nezifundo zeMatriki.
6. Ukulungiselela injongo yokubala awona manqaku asezantsi angama-720 afunekayo ukuze kube nokukhutshwa iSatifikethi seMatriki, amanqaku oViwo eSifundo soMculo eSenziwayo (Practical Music Examination) esichaphazelekayo saseTrinity College OKANYE sase-Unisa aya kubalwa ngolu hlobo lulandelayo:
6.1 Kwimeko yokudityaniswa kwezifundo zibe zithandathu, amanqaku oMculo aya kudityaniswa kumanqaku ewonke afunyenwe ngumfundi (aggregate).
6.2 Kwimeko yokudityaniswa kwezifundo zibe sixhenxe okanye ngaphezu kwezisixhenxe, amanqaku ewonke afunyenwe ngumfundi aya kubalwa ngokuthi kususelwe kumanqaku afunyenwe kwizifundo zeelwimi ezimbini eziyimfuneko kunye nezifundo ezine ezizezona azipase kakuhle kakhulu kubafundi baseMzantsi Afrika kuze kubaviwa abavela kumazwe angaphandle kubalwe amanqaku afunyenwe kwisifundo solwimi olunye oluyimfuneko kunye nezifundo ezihlanu ezizezona azipase kakuhle kakhulu.
7. Akukho lutshintsho okanye kunyuselwa kuya kwenziwa kwiziphumo zoviwo lomculo oluchaphazelekayo.
8. Abaviwa ababhala izifundo ezihlanu ezivunyiweyo kunye noviwo lomculo oluchaphazelekayo nokuba ngaba babhalise eTCL okanye e-Unisa njengabaviwa abangesosigxina (part-time) yaye, ngenxa yoku, iziphumo zabo aziyi kupapashwa kwizintlu zeziphumo zabaviwa abasisigxina.
9. Abaviwa ababhala izifundo ezithandathu okanye nangaphezulu ezivunyiweyo kunye noviwo lomculo oluchaphazelekayo nokuba ngaba kuseTCL okanye e-Unisa babhaliswe njengabaviwa abasisigxina.
10. Uviwo lwesifundo soMculo eSenziwayo (Practical Music Examinations) lwaseTrinity College kunye/okanye lwase-Unisa alunako ukwenziwa kunye neSifundo soMculo kuHlelo oluPhezulu (HG) okanye kuHlelo oluPhakathi (SG). Nakuba kunjalo, abafundi abenza isifundo somculo nokuba ngaba kuseTrinity College okanye e-Unisa banganako ukwenza esi sifundo Music Performance (Second Instrument) kuHlelo oluPhakathi (SG) njengesifundo esivunyiweyo seSatifikethi seMatriki.
11. Kwimeko yabaviwa abenza izifundo zeSatifikethi seMatriki ezithandathu okanye nangaphezulu ezivunyiweyo ezidityaniswe nesifundo somculo saseTCL okanye sase-Unisa, uviwo lwesifundo soMculo saseTCL okanye sase-Unisa basibhalwe size sipaswe zingadlulanga iinyanga ezintandathu zokubhalwa koviwo lweSatifikethi seMatriki ukwenzela ukuba kube nokwaneliswa umqathango wokubhalwa kweqela lezifundo kunye ukuze umfundi abe nokwamkelwa eyunivesithi.

ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:21