1. NgokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika 1996 (UMthetho 84/1996) njengoko ufakelwe izilungiso), ibhunga lolawulo lesikolo sikarhulumente kufuneka
1.1 ligcine iirekhodi zeemali ezifunyenweyo nezichithiweyo kunye nee-asethi namatyala
1.2 zingadlulanga iinyanga ezintathu zokuphela konyaka-mali ngamnye, lenze ingxelo-mali yonyaka ngokwemigaqo emiselwe nguMphathiswa wePhondo, kwaye
1.3 lingenise, zingadlulanga iinyanga ezintandathu zokuphela konyaka-mali ngamnye, ingxelo-mali ephicothiweyo yonyaka kwiNtloko yeSebe leMfundo.

2. Njengoko ukulungisa iingxelo-mali eziphicothiweyo kuyinto ethatha ithuba elide, niyacelwa ukuba nenze amalungiselelo kwangoko okwenziwa kweengxelo zonyaka-mali ophela ngomhla wama-31 Disemba 2003. Ezi ngxelo mazingeniswe kwi-EMDC echaphazelekayo.

3. ISetyhula 27/2001 neSahluko 1 solu xwebhu: Basic Financial System for Schools zicacisa imiqathango emiselweyo yokuqeshwa komphicothi-zincwadi kwakunye nesikhokelo sokwenziwa kweengxelo-mali.
3.1 La maxwebhu alandelayo (imifuziselo yawo iyafumaneka yakucelwa kwi-EMDC) makahambe kunye nengxelo-mali ephicothiweyo:
  • Ingxelo ngeNgeniso neNkcitho ukuqalela kowoku-1 Januwari - 31 Disemba

  • UXwebhu lweBhalansi njengoko lunjalo ngowama-31 Disemba

  • INgxelo yeBhanki engqinelana neentlawulo njengoko injalo ngowama-31 Disemba

  • INgxelo yeMali eTyaliweyo

  • ISatifikethi soLawulo esibubuNgqina beeAsethi ezikhoyo

  • INgxelo ngamaTyala angekaHlawulwa

  • ISatifikethi esikhutshwa ngokweSiqendu 38(1)(j) soMthetho wezoLawulo lweMali kaRhululumente

  • INgxelo yoMphicothi-zincwadi

3.2 Ezi zinto zilandelayo mazikhankanywe ngokwahlukeneyo:

Yonke imali evela kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni njengengeniso, umz.

  • ULwabiwo lweMali ngokweMigaqo nemiMiselo yeSebe leMfundo

  • IZikolo eziKhuselekileyo

  • UkuLondolozwa kweZakhiwo namaBala

  • IiNkonzo zikaMasipala

Enye ingeniso
  • Iifizi zezikolo ezifunyenweyo

Inkcitho
  • Ukulungiswa kwezinto ezonakeleyo

  • Iincwadi zezifundo

  • Ezinye izixhobo neencwadi zokuncedisa ekufundeni

  • IZikolo eziKhuselekileyo

  • IiNkonzo zikaMasipala

3.3 Makwenziwe uXwebhu lweBhalansi neNgxelo yeNgeniso ezahlukileyo zehostele.

4. Umphicothi-zincwadi
4.1

NgokweSiqendu 43 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika ibhunga elilawulayo lesikolo sikarhulumente malityumbe umntu obhaliswe njengombali-mali nomphicothi-zincwadi ngokoMthetho waBabali-mali bakaRhulumente nowaBaphicothi-zincwadi wowe-1991 (UMthetho 80/1991).  Ukuba ibhunga lolawulo alikwazi kukwenza oku ngezizathu ezivakalayo, kufuneka lityumbe umntu onemfundo efanelekileyo ukuba enze imisebenzi yegosa elimele ukuphendula leeNkampani eziziMbumba (Close Corporations).  Ukuba kwakhona akukho ndlela yokuba kwenzeke oku, ibhunga lolawulo maliqeshe umntu ofanelekileyo, kodwa mayibe nguMphathiswa wePhondo omakanike imvume yokuqeshwa komntu ololu hlobo.  Izicelo zokuvunywa kokuqeshwa komntu ololu hlobo (iqhotyoshelwe kolu xwebhu ifom yesicelo emiselweyo) mazithunyelwe kulo: The Director: Budget Management, Western Cape Education Department, Room 7-20, Private Bag X9114, Cape Town, 8000.  Usasebenza ummiselo wokuba makungabi ngumntu ojonge inzuzo eyimali kwimibandela ephathelele kwisikolo.

4.2 Ingxelo yomphicothi-zincwadi mayibandakanye oku kulandelayo:
  • Isibhengezo samabanga emfundo aphunyelelwe ngumphicothi-zincwadi ngokweSiqendu 43 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika

  • Isibhengezo sokuba uqeshwe ngokuzimeleyo yaye akangomntu ojonge inzuzo eyimali kwimibandela ephathelele kwisikolo.

  • Isibhengezo sokuba iingxelo-mali zinika ubume bemeko efanelekileyo ngemibandela yeemali zesikolo eso njengoko injalo ngomhla wama-31 Disemba nangemisebenzi enxulumene nezemali eyenziwe sisikolo ngethuba elisusela kumhla woku-1 Januwari ukuya kowama-31 Disemba

  • Amagqabantshintshi ngokumalunga nale mibandela ilandelayo

  • Ulawulo lweengxowa-mali zesikolo

  • Izinto ezingahambanga ngokwemigaqo eziqatshelweyo

  • Amanyathelo olawulo angaphakathi

5. Kucelwa uqhagamshelane neKomiti yezoLawulo oLwenziwa ziZikolo ngokwazo (School-based Management Team) ukuba ufuna inkxaso ngokumalunga neengxelo-mali eziphicothiweyo.

6. Siya kuyivuyela intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU.A.J. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:20

Application for approval of appointment of Auditor  (ubukhulu: 9 KB)