1. Ngenxa yohlobo lwenkqubo yoviwo, akukho mihla isisigxina yokubhengeza iziphumo zoviwo. Ukwenzela ukuba iinqununu zibe nako ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okuba zize kuthatha iziphumo zize zizitshekishe, kunikwa le mihla kujoliswe kuyo ilandelayo kunye nengcaciso echaphazelekayo. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla kujoliswe kuyo kwanamaxesha anikiweyo zizinto ezingesosigxina nezinokutshitshwa. Ukuba kuthe kwakho imfuneko yokutshintsha la malungiselelo, ingcaciso echaphazelekayo iya kupapashwa kumaphepha-ndaba. Ii-EMDC ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo.

1.1
NgoLwesibini 30 Disemba 2003 ngo-08:00   Iinqununu zingaziphuthuma 
(Qaphela:Kungabi ngaphambi ko-08:00)iziphumo kwii-EMDC.
1.2 Iinqununu zinikwa ithuba leeyure ezi-4 lokutshekisha iziphumo zikhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezibonakala ngokulula.

1.3
NgoLwesibini 30 Disemba 2003 ngo-12:00	Izikolo zingabanika 
                                        abafundi bazo iziphumo.
QAPHELANI: AKUKHO ziphumo mazaziwe ngabafundi kwaye KUNGEKHO ngcaciso emalunga noku emayinikwe abamaphepha-ndaba phambi ko-12:00.

1.4
NgoLwesibini 30 Disemba 2003 ngo-10:00	Umphathiswa wePhondo ukhupha 
                                        iziphumo.
1.5
NgoLwesibini 30 Disemba 2003 ngo-12:00	Umphathiswa weMfunda 
                                        kwiZwelonke ukhupha iziphumo 
                                        zesizwe
1.6
NgoLwesithathu 31 Disemba 2003 ngo-06:00 Iziphumo zipapashwa 
                                        kwi-website yeWCED
1.7
NgoLwesithathu 7 Januwari 2004 ngo-12:00 Iziphumo ezingathathwanga 
                                        kwii-EMDC ziyakuposelwa 
                                        ezikolweni.
2. Njengoko kunyanzelekile ukuba onke amaqela alandele ngqo la malungiselelo, ibaluleke kakhulu intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.

3. Zikwafumaneka kwakhona iziphumo zeMatriki kweli ziko lewebhu lilandelayo: http://wced.wcape.gov.za   Kufuneka abaviwa bafake ezi zinto zombini, iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zezazisi zabo.

4. Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo izikolo ezingathanda ukuwenza ngokumalunga nokuza kuthatha iziphumo. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kuMlawuli we-EMDC yazo ngaphambi kowama-28 Novemba 2003.

5. Abamajelo eendaba baya kunikwa le ngcaciso ilandelayo:
  • Amagama neenombolo zoviwo zabaviwa abapasileyo, ngokwesikolo ngasinye nangokwesithili ngasinye. Kusetyenziswa ezi simboli zilandelayo: E - Endorsement; M - Endorsement (Merit); D - Endorsement (Distinction); S - Senior Certificate; N - Senior Certificate (Merit); P - Senior Certificate (Distinction). Ziya kuboniswa izifundo abaviwa abazipase emagqabini (ngeesimboli A).

  • Amagama abafundi abagqwesileyo abafumene iNkwekhwezi (Distinction) (ngamanqaku ewonke angama-1680 okanye nangaphezulu) okanye abapase kakuhle kakhulu (ngamanqaku ewonke aphakathi kwama-1260 nama-1679)

  • Igama lomviwa ngamnye oyinjinga kwisikolo sakhe

  • Amagama abafundi abathathu abaziinjinga (abafumene ubuncinane ama-80%) kwisifundo ngasinye kuHlelo lweHigher Grade nolweStandard Grade

6. Kubaluleke kakhulu ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe uncedo ngokwasemoyeni, intuthuzelo nengcebiso. Oku kunokwenziwa esikolweni ngethuba kunikwa abafundi iziphumo, okanye, apho kunokwenzeka, kwi-EMDC echaphazelekayo ukuba bakho ootitshala. Ukuba inqununu imthumela umviwa kwi-EMDC, umviwa lowo makanikwe inombolo yefoni nedilesi ye-EMDC leyo. Kwangokunjalo inqununu nayo mayinike i-EMDC iinkcukacha zomviwa.


ISAYINWE: NGU- B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:17

UKUTHATHWA KWEZIPHUMO ZOVIWO  (ubukhulu: 11 KB)