1. Kufuneka kwaneliswe le miqathango ilandelayo phambi kokuba isikolo sibe nokuqwalaselwa ngenjongo yokwabelwa utitshala womdaniso:
2. Daar moet aan die volgende kriteria voldoen word voordat die toekenning van 'n dansopvoeder oorweeg sal word:
  • Inani elaneleyo labafundi abanomdla nelisoloko likho (ubuncinane abangama-70 kwizikolo zaseprayimari nabangama-50 kwizikolo eziphakamileyo)

  • Ubukho bendawo yokufundisela efanelekileyo, ekukhethwa ukuba ibe yiholo kanye istudiyo sokudanisela, kodwa ubuncinane bakube ligumbi elikhulu elingamagumbi amabini elinomgangatho okwimeko entle kakhulu

  • Ubukho boomashini abafanelekileyo bokudlala umculo wee-CD namakhasethi

  • Ukhuseleko lwasemva kweeyure zomsebenzi oluqinisekiswe sisikolo

  • Isicwangciso samaxesha esifanelekileyo

3. Ukuba unqwenela isikolo sakho sithathelwe ingqalelo xa kusabiwa okanye ukuba sabelwe kwakhona isithuba sotitshala womdaniso, zalisa ikhweshine eqhotyoshelweyo uze uyingenise kuMlawuli woPhuhliso lweKharityhulam kwaNdlunkulu ungadlulanga uLwesihlanu wama-14 Novemba 2003. Igosa leSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kutyelela isikolo sakho kwisiqingatha sokuqala sika-2004 ukuza kujonga izibonelelo, izixhobo ezisetyenziswayo nesicwangciso samaxesha phambi kokuba licebise ukuba siqhubeke isithuba ngo-2005.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:14

Questionnaire:  Dance post  (ubukhulu: 27 KB)