1. Ikharityhulam entsha yeMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (Further Education and Training (FET) iza kuqaliswa kwiBakala 10 ngo-2006 size isatifikethi sokuqala se-FET sikhutshwe okokuqala ngo-2008.
2. Kuza kufuneka kucwangciselwe ukuphunyezwa kwezifundo ezitsha ezininzi ezicetywayo kwaNdlunkulu (weSebe leMfundo leNtshona Koloni) nakwii-EMDC ukwenzela ukuba kunikwe izikolo nootitshala inkxaso eyiyo ekufundiseni ezi zifundo.
3. Ukongeza, kufuneka iSebe leMfundo leNtshona Koloni licalulisise okutshiwo zizikolo ukuba ziza kukwenza ngokumalunga nezifundo ezizikhethileyo ukwenzela ukujonga isiphumo sezo zifundo zizikhethileyo malunga nokufumaneka nokusasazeka kwazo kwisekethe nganye, kwi-EMDC nganye nakwiphondo liphela.
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyazi ngokupheleleyo ukuba azinakucelwa kwangoku izikolo ukuba zenze izigqibo zazo zokugqibela, kodwa ke, ukwenzela ukuba luqalise ngokukhawukeza ucwangciso olubanzi, ziyacelwa zonke iintloko zamaziko emfundo aseNtshona Koloni ukuba zibonise kwifom eqhotyoshelweyo izifundo ezicinga njengangoku ukuba ziza kuzifundisa kumaBakala 10 - 12. Ifom ezaliswe zonke iinkcukacha mayingeniswe kuMlawuli woPhuhliso lweKharityhulam, ibhalwe ngolu hlobo, Attention: Ms U Heydenrych, Western Cape Education Department, Private Bag X9114, Cape Town, 8000 ungadlulanga umhla we-15 Novemba 2003.
5. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zinike inani lilonke eliqikelelwayo lootitshala abaya kufuneka kumaBakala 10 - 12 kwisifundo ngasinye kwezo zifundo zikhethiweyo nokuba zibonise kwakhona ukuba bangaphi na ootitshala abakhoyo njengangoku esikolweni eso abanemfundo efanelekileyo ukuba bafundise isifundo ngasinye kwanokuba bangaphi na ootitshala abakhoyo njengangoku esikolweni eso abafundayo ukuze bafumane imfundo efanelekileyo kwisifundo ngasinye.
6. Ziyacetyiswa iintloko zamaziko emfundo ukuba zixoxe nootitshala bazo namabhunga olawulo ngazo zonke izifundo eziza kwenziwa kwaye zifundisise iimfuno zezinye zezifundo ezineemfuno zazo ezahlukileyo kweziqhelekileyo phambi kokuba kwenziwe izigqibo. Makusoloko kukhunjulwa ukuba ezinye zezifundo ziza kufuna imali engaphezulu ngokumalunga nezixhobo ezisetyenziswayo namalungiselelo afunekayo. Izigqibo zazo mazisusele kumalungiselelo ayimfuneko nezixhobo ezisetyenziswayo ezikhoyo ngoku esikolweni okanye koko kuya kubakho esikolweni okususela kwibhajethi yaso eqikelelweyo.
7. Enye ingcaciso ngenkcazo ebanzi neemfuno zezifundo iyafumaneka kwiSetyhula 0176/2003 nakwii "Subject Infopacks" zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ezathunyelwa kunye nale setyhula kwakunye nakula maxwebhu draft national subject curriculum documents of October 2002. Kucelwa uthathele ingqalelo into yokuba ii"Subject Infopacks" zinika iinkcukacha ezininzi kakhulu ngeemfuno zesifundo ngasinye - xa ufuna ezona mfuno zisezantsi, kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam wakho.
8. Izikolo mazithathele ingqalelo iimeko zalo ndawo zimi kuyo, amakhondo emisebenzi angakhethwa ngabantu baloo ndawo nakwilizwe liphela, ngokwesifundo abakholwa siso.
9. ISebe leMfundo leNtshona Koloni lilindele ukutshintshela kwikharityhulam entsha ye-FET ngoJanuwari 2006 ngendlela enocwangco nengenamagingxi-gingxi.

ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:08

Form: Preliminary proposal regarding fet subjects to be offered  (ubukhulu: 22 KB)