1. Ngaphambili iSebe leMfundo leNtshona Koloni belibhalisa lize lixhase ngemali amaziko emfundo yepri-prayimari kumahlelo ahlukeneyo ngokoMthetho weMfundo weZikolo zePhondo leNtshona Koloni, 1997 (uMthetho 12 wowe-1997) ufundwa kunye nemimiselo echaphazelekayo kunye noMgaqo-nkqubo kaZwelonke woPhuhliso lwaBantwana. Ukwenzela ukuba iimeko zifane kumntu wonke, kufakelwe imibandela kwiinkqubo zobhaliso nokuxhaswa ngemali kwamaziko emfundo yepri-prayimari. Ezi nkqubo zilandelayo ziya kuqala ukusebenza ukususela kowoku-1 Januwari 2003.

2. UBHALISO
2.1 Onke amaziko emfundo eBakala R (epri-prayimari) makabhaliswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni. Izikolo ezizipri-prayimari ezizimeleyo okanye amaziko emfundo azimeleyo angabhaliswanga ngokusemthethweni kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni makangenise iifom zezicelo zobhaliso ngokukhawuleza. Isicelo sobhaliso masisayinwe yinqununu okanye ngumnini/ngumnikazi weziko elo size sithunyelwe kwi-ofisi ye-EMDC echaphazelekayo.
2.2 Umphathi wesekethe okanye umcebisi ngezekharityhulam yoPhuhliso lweMfundo yaBantwana okwi-EMDC echaphazelekayo makahlole eso sikolo siyipri-prayimari ukwenzela ukuqinisekisa ukuba siyangqinelana na nemiqathango emiselweyo ephathelele kwikharityhulam, kwimeko yesakhiwo (yezakhiwo) kunye nolawulo lwemali yesikolo eso. Umphathi wesekethe makenze ingxelo ngoko akufumeneyo aze anike izimvo (recommendations) zakhe kwifom leyo. La maxwebhu makangeniswe kumlawuli we-EMDC omakawadlulisele yena, ekhatshwa luluvo (recommendation) lwakhe, kwaNdlunkulu weSebe leMfundo leNtshona Koloni ngenjongo yokuba aqwalaselwe.

3. IINKQUBO ZOKWENZA ISICELO SOKUNIKWA INKXASO-MALI NEZOKUNGENISWA KWAMABANGO ENTLAWULO
3.1 Isicelo sokunikwa inkxaso-mali (Application for funding)
Isicelo sokufuna inkxaso-mali masenziwe kwiziHlomelo A no-B size singeniswe kumlawuli we-EMDC echaphazelekayo
3.2 Ukungeniswa kwamabango entlawulo (Submission of claims)
3.2.1 Makungeniswe iifom zamabango entlawulo (claim forms) ezizaliswe zonke iinkcukacha kwi-ofisi ye-EMDC echaphazelekayo ngosuku lokugqibela lwekota nganye ngenjongo yokuba zitshekishwe zize zingqinwe.
3.2.2 Ezi fom zamabango entlawulo mazikhatshwe sisicatshulwa esithathwe kwirejista yokuhamba isikolo (attendance register) esibonisa ukuhamba isikolo kwabafundi ngaloo kota.
3.2.3 Zakuba ziphicothisisiwe iifom zamabango entlawulo, zaza zangqinwa yaye zasayinwa ngumlawuli we-EMDC (okanye ngumntu otyunjwe nguye), mazingeniswe kwaNdlunkulu ngenjongo yokuba zivunywe ukuze kwenziwe intlawulo.

4. Zonke izikolo ezizipri-prayimari okanye amaziko emfundo afumana inkxaso-mali kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni kufuneka angenise ingxelo yengeniso nenkcitho zingaphelanga iinyanga ezintandathu emva kokuphela konyaka-mali ngamnye ukwenzela ukubonisa ukuba isetyenziswe njani na inkxaso-mali efunyenweyo.
5. Onke amaziko amaBakala R afumana inkxaso-mali kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni makaqinisekise ukuba azingenisile iinkcukacha zawo zebhanki yaye akwisistim yomashini owenza intlawulo-mali (electronic fund transfer system) weSebe leMfundo leNtshona Koloni ukwenzela ukuba inkxaso-mali amana ukuyinikwa ingene ngqo kwi-akhawunti yebhanki yeziko elo.
6. Inikiwe imvume yokusekwa kwenkqubo efanayo yenkxsao-mali yokunika umfundi ngamnye i-R3 ngosuku kubafundi ababudala buphakathi kweminyaka emi-5 nemi-6, kuye kutsho kwabona bafundi baninzi bangama-30, kuwo onke amaziko emfundo yepri-prayimari ukususela ngowoku-1 Apreli 2002.
7. Nceda uqaphele ukuba xa utitshala weklasi yeBakala R efumana umvuzo kwi-R1 200.00 ngenyanga, kucetyiswa ukuba inxenye yale nkxaso-mali mayisetyenziselwe ukongeza kumvuzo wakhe. Oku kuya kuqinisekisa ukuba umviso wahke wenyanga ubuncinane uli- R1 200.00 Imali eseleyo mayisetyenziselwe ukuhlawula iindleko zokuqhuba iziko elo.

ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2002:12:19

Annexure A  (size: 11 KB) ;  Annexure B  (ubukhulu: 11 KB)