Kunyaka ophelileyo (ngoNovemba, 2001) kwathunyelwa incwadana yeendaba (newsletter) ezikolweni ecacisa ngamandla nobuthathaka bokusebenza kweendidi ngeendidi zeethayimthebhile zezifundo zomdaniso kwizikolo zaseprayimari. Ngenxa yokuba ootitshala bomdaniso bezikolo zaseprayimari bengabasebenzi benxenye yexesha elithile (part-time) okanye besebenza kwizikolo ezibini, abanakulindelwa ukuba bafundise bonke abafundi kwizikolo zozibini. Abanye ootitshala bomdaniso balindeleke ukuba bafundise abafundi abangama-2,000 ngeveki nganye, bamazi umfundi ngamnye, bavavanye umfundi ngamnye baze babe nokuzimasa yonke imisebenzi, iikonsathi neentlanganiso zezikolo zozibini. Le yinto engenakwenzeka.

Kufuneka kuqhatshelwe kananjalo ukuba:

  • Iiphiriyodi zezifundo zomdaniso ukususela kwiBakala 4 - 7 kufuneka ubuncinane zibe yiyure ubude kungenjalo baya kuthi abafundi sebenxibe impahla elungele esi sifundo nemizimba seyilungele isifundo eso, libe ixesha lokufundisa seliphantse ukugqitha.

  • Abafundi bomdaniso abasuka kwiBakala 4 ukubheka phambili kufuneka babe neeklasi zokudanisa ubuncinane kabini ngeveki.

  • Ifleksi-thayim ivumela ukuba kungabikho bungqingqwa buyimfuneko kwithayimthebhile ukulungiselela ukufumaneka kwamava awangezelelweyo okufunda anjengokudanisa (jonga iSetyhula 115/2000). Abafundi kufuneka basiwe ngaphandle kweeklasi zabo ukuba badanise ngexesha lefleksi-thayim besebenzisa ngokunjalo nenxenye yexesha lesifundo soBugcisane Nkcubeko. Akufunekile ukuba baliphose ixesha lokufundiswa nokuzifundela (notional time) elabelwe ezinye iinkalo zezifundo.

  • Abafundi bomdaniso kufuneka banikwe ithuba elininzi lokudanisa yaye kufuneka bavavanywe ngonyaka ngamnye.

  • Ootitshala bomdaniso kufuneka basebenze nabafundi abafuna ukudanisa yaye benobuchule bako.

  • Iiklasi akufunekile ukuba zibe nkulu ngokokude kungabikho sithuba sakuhamba. Abafundi kufuneka bachongwe ngendlela elungileyo nebandakanyayo ukuya kutsho kuma-30 kwiklasi nganye (kwiklasi ephindwe kabini ngobukhulu ebuncinaneni). Abafundi abangezelekileyo banokubekwa kuluhlu lwabalindileyo baze bathathe iindawo zabo bangezi qho kwezi klasi. Iiklasi ezinkulu zinokubakho kuphela xa isifundo sifundiselwa kwiholo elikhulu.

  • Ootitshala bomdaniso akufunekile ukuba basetyenziselwe ukuba banike abanye ootitshala ixesha lokuhlala bengenzi nto.

  • Okulandelayo kukhangeleka njengomzekelo wethayimthebhile enokusetyenziswa

    IbakalaUbude besifundoRhoqo kangakanani
    1 a
    1 b      yiklasi yonke okanye
    1 c      abafundi abachongiweyo
    1 d
    45 imizuzu
    45 imizuzu
    45 imizuzu
    45 imizuzu
    Ngekota 1
    Ngekota 2
    Ngekota 3
    Ngekota 4
    2 a
    2 b      yiklasi yonke okanye abafundi
    2 c      abafundi abachongiweyo
    2 d
    45 imizuzu
    45 imizuzu
    45 imizuzu
    45 imizuzu
    Ngekota 1 & 2
    Ngekota 1 & 2
    Ngekota 3 & 4
    Ngekota 3 & 4
    3        yiklasi yonke okanye abafundi
              abachongiweyo
    Kufana njengasentla Kufana njengasentla
    Abafundi bakhethwe kuwo onke amaBakala 4
    ukuya kutsho kuma-30 ubuninzi
    Yiyure 2 ngeveki
    Abafundi abachongwe kwiiklasi zonke
    zeBakala 5 ukuya kutsho kuma-30 ubuninzi
    Yiyure 2 ngeveki
    Abafundi abachongwe kuzo zonke iiklasi
    zeBakala 6 ukuya kutsho kuma-30 ubuninzi
    Yiyure 2 ngeveki
    Abafundi abachongwe kuwo onke amaBakala
    7 ukuya kutsho kuma-30 ubuninzi Yiyure
    Yiyure 2 ngeveki

  • Iinqununu zicelwa ngokuhloniphekileyo ukuba zithetha-thethane malunga notitshala lowo kwabelwana ngaye, ebandakanywa naye ezingxoxweni, malunga nokugqiba ukuba yintoni na elungileyo ebilindelekile malunga nokuthatha inxaxheba kwimisebenzi eyongezelelweyo yesikolo ngokukodwa ukucetywa kwamaxesha eekonsathi zezikolo.

  • Ootitshala bomdaniso banokuncedisa kwiNkalo yesiFundo: zoBugcisa neNkcubeko ngokuthatha inxaxheba bencedisa ootitshala boBugcisa neNkcubeko kwinkqubo yokucwangcisa. Banako nokwenza amalungiselelo eendibano zikamasifundisane zokuxhobisa ngezakhono (capacity building workshops) ezikolweni zabo mhlawumbi nakwizikolo ezibangqongileyo ukubakhokela ekufundisweni komdaniso njengenxenye yesifundo soBugcisa neNkcubeko.



ISAYINWE: NGU - D.R. SHEPHERD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:01:29