1. Okuqhotyoshelwe kolu xwebhu yishedyuli yokuqhubela phambili kwabafundi emayisetyenziswe kumaBakala 7 no-8.
2. Kukwaqhotyoshelwe neshedyuli yokupasa kwabafundi beBakala 9 ngokungqinelana nefomathi kazwelonke. Ukwenzela ukunceda ootitshala, iCandelo leeMviwo leSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kubonelela izikolo ezibhalisileyo ngeeshedyuli zokupasa kwabafundi kwakunye namagama neenombolo eseziprintiwe zabo bonke abafundi beBakala 9 ababhalise esikolweni.
3. ULwimi, uLwazi lokuFunda nokuBhala noNxibelelwano
3.1 Iikhowudi zeelwimi ezahlukeneyo maziboniswe ngokwahlukeneyo kuzo zombini iishedyuli.
3.2 Okutshiwo liSebe leMfundo leNtshona Koloni kukuba bavumelekile abafundi ukuba benze ngaphezu kolwimi olunye kwiilwimi zasekhaya kwiBakala 9.
3.3 Ukucacisa ngakumbi imiqathango yokupasa kwabafundi beBakala 9 nokunceda ootitshala ekufikeleleni esigqibeni sokuba umfundi uyipasile na inkalo yesifundo yoLwimi, uLwazi lokuFunda nokuBhala noNxibelelwano (LLC), kunikwe isikhokelo sokuba abafundi beBakala 9 bangenza ubuncinane iilwimi ezimbini aze umfundi afumane oku “upasile” kolunye lwezi lwimi azenzayo.
4. Iyafumaneka kwakhona le shedyuli yokupasa kwabafundi beBakala 9 ngefomathi yekhompyutha (ye-Excel) kwiziko lewebhu loPhuhliso lweKharityhulam leSebe leMfundo leNtshona Koloni apha http://curriculum.wcape.school.za/. Ifom inokufunyanwa kwiphepha laMancedo ezoVavanyo (Izinto ngokuBanzi) (Resources page of the Assessment (General))1. Abaququzeleli bovavanyo abakwii-EMDC baya kucebisa izikolo ngokusetyenziswa kwefom yekhompyutha xa kwenziwe isicelo soko. Kwakhona banganikwa ingxelo ngokuthe kwaqhubeka (feedback) malunga nale nkqubo yekhompyutha.
1 Click here to download/save a 'zipped' copy of the complete Excel record sheet (Size: 618 KB).

ISAYINWE: P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:08

Progression schedule for Grades 7 & 8  (size: 36 KB)
Promotion schedule for Grade 9  (size: 46 KB)