ISebe leMfundo leNtshona Koloni lazisiwe ukuba ukunyuswa kwenotshi nge-1% ukususela kowoku-1 Julayi 2003 kwenziwa kuphela kootitshala abangazange bafumane naluphi na uhlobo lohlenga-hlengiso lwemivuzo kwithuba elandulelayo leenyanga ezili-12. Kuye kwafunyanwa kwakhona ukuba ootitshala abakwiinotshi zabo buqu (personal notches) okanye abasebefike kweyona notshi iphezulu (maximum notch) babengamele kufumana olu nyuselo lweenotshi. Kwiimeko apho olu nyuselo lwenotshi nge-1% lwenziwa ngempazamo lwaza lwabangela intlawulo egqithisileyo (overpayment), oko kuza kulungiswa. Ootitshala abalolu hlobo baya kwaziswa elowo nalowo ngencwadi ebhaliweyo ngale ntlawulo igqithisileyo.

Ukunyuselwa ngeenotshi kwenziwa kuphela kootitshala abakwiinotshi zemivuzo ezikumanqanaba aloo mivuzo yabo ichaphazelekayo.

Ootitshala abakwiinotshi zabo buqu, oko kuthi, (abawela phakathi kwamanqanaba emivuzo amabini) kunye nabo sebefike kweyona notshi iphezulu (16th) yenqanaba lomvuzo baya kufumana ukuqhubela phambili emvuzweni ngowoku-1 Julayi 2004.

Ootitshala abakwinotshi engaphezulu kwinqanaba lomvuzo elichaphazelekayo abamelwe kufumana nakuphi na ukunyuselwa ngeenotshi lo gama basekwezo zithuba bakuzo, kodwa baya kufaneleka ukulufumana uhlenga-hlengiso lwemivuzo olwenziwa qho ngonyaka.

Kucelwa ukuba wazise bonke ootitshala okubhalwe kule setyhula ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:09