1. UMgaqo-nkqubo wezeNkolo nezeMfundo wapapashwa kwiGazethi kaRhulumente, Vol. 459, No. 25459 yomhla we-12 Septemba 2003. Le Gazethi njengangoku ithunyelwa ezikolweni. Kule mihlathi ilandelayo kuza kumana kukhankanywa iziqendu ezithile zalo mgaqo-nkqubo.

2. Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukwakha uluntu lwaseMzantsi Afrika ngokukhuthaza ukuhlonitshwa kweenkolo zethu ezahlukeneyo. Lo mgaqo-nkqubo ubonelela isakhelo sokusingathwa ngokufanelekileyo ezikolweni kwale miba mithathu yenkolo icacisiweyo neyile: IMfundo ngeeNkolo enyanzelekileyo, ukuQatshelwa kweZiganeko neeNdibano zezeNkolo omakube phantsi kolawulo nokuFundiswa kwezeNkolo.

3. Liyabazi eli Sebe leMfundo ubu-ethe-ethe obungqonge lo mgaqo-nkqubo yaye lifuna ukucacisa ukuba amalungelo abafundi nootitshala njengoko echazwe kwiZiqendu 13 no-35 zalo mgaqo-nkqubo makahlonitshwe ngokungqinelana nomoya olawula lo mgaqo-nkqubo kwanoko kubhalwe kuwo. Ezinye zeziqendu zalo mgaqo-nkqubo zilungiswe apha naphaya ukuze zilungele izikolo ezizimeleyo (khangela isiqendu 16).

4. Ziyafumaneka iikopi zalo mgaqo-nkqubo kwi-intanethi kwiphepha lewebhu yeSebe leMfundo leNtshona Koloni kule dilesi ilandelayo: http://curriculum.wcape.school.za

5. Ezinye iikopi ezishicilelweyo zalo Mgaqo-nkqubo wezeNkolo nezeMfundo (iGazethi kaRhulumente, Vol. 459, No. 25459 yomhla we-12 Septemba 2003) ziyafumaneka kwiZiko loShicilelo lwamaXwebhu asebuRhulumenteni (Government Printing Works) (ifoni (021) 465-7531), 90 Plein St, Cape Town, zibiza i-R5 ikopi nganye. Zingacelwa ezi kopi kweli Ziko loShicilelo lwamaXwebhu asebuRhulumenteni ngencwadi ebhaliweyo ize iposelwe apha: Government Printing Works, P.O. Box 571, Cape Town, 8000. Intlawulo mayenziwe ngetshekhi okanye ngeposoda emayibhalwe ukuba kuhlawulwa lo “Government Printing Works” kwaye mayihambe kunye ne-odolo.

6. Ingcaciso engaphezulu ngekharityhulam ingafumaneka kuBacebisi ngezoLwazi Banzi ngezoBomi abakwi-EMDC. Kungayiwa nakuBaphathi beeSekethe ngokumalunga nemibandela engokuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo ephathelele ekuQatshelweni kweZiganeko neeNdibano zezeNkolo nokuFundiswa kwezeNkolo.

ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:06