1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni ngekota yesithathu ka-2003.
2. Iisetyhula mazifakwe efayilini ngalo lonke ixesha zisasebenza ngokusemthethweni.
3. Uyakhunjuzwa kwakhona ukuba ukususela kowoku-1 Apreli 2003, iisetyhula zithunyelwa kuphela ngefomathi ye-imeyili. Ukuba iisetyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyelwa nge-imeyili, ziya kwenziwa zifumaneke iikopi ezingamaphepha. Izikolo ezingekabinawo amalungiselelo e-imeyili zisaza kuqhubeka zifumana iikopi zeesetyhula ezingamaphepha. Zibalulekile iisetyhula ekusebenzeni ngempumelelo nangendlela eyiyo kweli Sebe leMfundo yaye luxanduva lootitshala namagosa ukuba bahlale besazi konke ngazo.
4. Luxanduva lwezikolo namagosa ukutshekisha mihla le i-imeyili yazo ukuze zihlale zinolwazi ngazo zonke iisetyhula. Liza kutshekisha iSebe leMfundo ukuba ngaba izikolo zizifumene zaza zazivula na iisetyhula ezithunyelwe kuzo. Mazincede izikolo namagosa zenze ifolda kwiikhompyutha zazo ukwenzela ukugcina ezi setyhula. Xa kusenziwa ezi folda, makusetyenziswe la magama “WCED circulars 2003”. Ziyafumaneka iisetyhula zika-2003 kule webhu yeSebe leMfundo leNtshona Koloni: http://wced.wcape.gov.za/circulars/index_circulars.html.
5. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.

ISAYINWE: NGU-A. J. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:16


The following documents relate to this circular.  Either Excel®  or Quatro Pro®  is required to view / print these documents.  Click on a title below: the document will open in a separate window.  To return to this circular, close the window.
INDEX OF CIRCULARS (147 -183) issued during third quarter 2003  (ubukhulu: 27 KB)