KwiNqununu/ UTitshala/UMviwa weMatriki

Libuye lafika kwakhona elo xesha lonyaka apho bonke abaviwa beSiqinisekiso seMatriki esiPhakamileyo bazilungiselela khona ukuhlalela iimviwo zabo zokuphela konyaka. Ndifuna ukubulela bonke ootitshala abaye basebenza ngokuzimisela ukuqinisekisa ukuba aba baviwa balungiselelwe ngokugqibeleleyo ukuba bahlalele iimviwo zabo. Ndingavuya ukuba iinqununu zinokuqinisekisa ukuba bonke abafundi bematriki bayayiboniswa le leta.

Kumfundi weMatriki ngamnye, khumbula ukuba ezi mviwo azahlukanga kwezinye. Ngandlela ithile, ubusoloko uthe gqolo uzilungiselela esi siganeko kwiminyaka elishumi elinesibini edlulileyo. Khumbula kananjalo ukuba sowunamanqaku athile onawo engxoweni - loo manqaku ngamanqaku ovavanyo oluthe rhoqo (continuouss assessment marks) obenokuwafumana ebudeni bonyaka. Iimviwo ezizayo zibalulekile kuba zingumqondiso wokuqukunjelwa kwesigaba esithile ebomini bakho kunye nesiqalo esiya kuba yinxenye yobomi bakho bonke. Oku, ngoko ke, akusosiphelo, koko kusisiqalo.

Ndifuna ukukucela kananjalo, ukhumbule ukuba lonke ithuba elifumanekayo lokwenza amalungiselelo angawo libalulekile yaye lingenza umahluko omkhulu kwiziphumo zokuphela konyaka. Ngoko ke ndininqwenelela okuhle kodwa ngamalungiselelo akho okugqibela, yaye yanga zonke izinto zingayimpumelelo ngokumalunga neemviwo!

Ndiyathemba ukuba uya kuziqhenya ngempumelelo yakho yaye iziphumo zakho ziya kulinceda elaseNtshona Koloni ekuzuzeni iziphumo ezisemagqabini zeSiqinisekiso seMatriki esiPhakamileyo ngo-2003.

Yanga zonke iiyure ozibonise ngokusebenzela olu viwo zingabonakala kwiziphumo zakho zize zisebenze njengesiseko sekamva eliqaqambileyo.

Ndim ngenene

ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:09:26