1. Kunikwe imvume yokuba kunyinyiswe umyinge osikiweyo wokuxolelwa kwintlawulo ngeefoni zabucala ezibalulekileyo ezenziwa ngabasebenzi besebenzisa iifoni zikarhulumente (ezifakwe ngokusisigxina) ukusuka kwi-R20,00 kuye kutsho kwi-R30,00 ngenyanga. Asasebenza amanye amalungiselelo akwiSetyhula 0080/2002 yowoku-1 Agasti 2002.
2. Ukususela ngowoku-1 Novemba 2003 abasebenzisi beeselifoni zikarhulumente (zeSebe leMfundo leNtshona Koloni) banganako nabo ukufonela izinto zabo zabucala ezibalulekileyo ngeeselifoni zikarhulumente baye kutsho kweyona mali inkulu eyi-R30,00 ngenyanga. Usasebenza umgaqo-nkqubo ongeeselifoni weSebe leMfundo leNtshona Koloni, njengoko ufakelwe izilungiso, ocaciswe kwiSetyhula 0090/01 yowama-21 Agasti 2001 nakule 0073/2002 yowe-9 Julayi 2002 ngokulandelelanayo.
3. Le minyinyiva asiyonxalenye yemivuzo yabasebenzi yaye ukuba umsebenzi udlule kumyinge oyi-R30,00, usaza kumelwa kukuba ahlawule loo mali agqithise ngayo.
4. Imibuzo malunga nokubhalwe kule setyhula ingabhekiswa kuMnu D.H. Rossouw apha (021) 467-2793.
5. Kucelwa wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula.

ISAYINWE: NGU- B.K. SCHREUDE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:10:16