1. Ukusekwa kweAkhademi yaseKapa yeMathematika, iSayensi neThekhinoloji eseConstantia, eyenye yemizana yeSixeko saseKapa kwicala elisemazantsi, yinxalenye yesicwangciso seSebe leMfundo leNtshona Koloni sokuphucula umgangatho weMathematika neSayensi kweli Phondo. IAkhademi yaseKapa yaziswa ngokusesikweni kuluntu yiNkulumbuso yaseNtshona Koloni ngomhla we-10 Matshi 2003.
2. Abafundi bokuqala abangama-210 beBakala 10 baza kwamkelwa ngoJanuwari 2004. Kulindeleke ukuba kongezwe abafundi abangama-250 abaya kwamkelwa ngo-2005 nango-2006 ngokulandelelanayo. Oku kuthetha ukuba ngo-2006 iAkhademi yaseKapa ijonge ukwamkela ama-710 abafundi ukususela kwiBakala 10 ukuya kwiBakala 12.
3. Eyona njongo iphambili yale Akhademi kukubonelela ngemfundo ekumgangatho ophezulu kubo bonke abafundi beBakala 10 ukuya kwabeBakala 12 abathe bazibonakalisa ukuba baneziphiwo, ngakumbi abafundi abasuka kwiindawo zoluntu oluhlelelekileyo. Kamva kunokwandiswa ikharityhulam ukuze kubandakanywe abafundi bamaBakala 8 no-9.
4. IAkhademi yaseKapa iya kubonelela ngezi zifundo zilandelayo: IsiNgesi, isi-Afrikansi, isiXhosa, iMathematika, iSayensi yeNdalo, iBhayoloji, iZifundo zeKhompyutha/ EzeNgcaciso ngeThekhinoloji kunye nezoLwazi Banzi ngezoBomi. Nakuba kunjalo, kuya kugxiniswa ngakumbi kwiMathematika, kwiiSayensi zeNdalo nakwiZifundo zeKhompyutha kuHlelo oluPhakamileyo. Zonke izifundo ziya kuhlohlwa ngesiNgesi nesi-Afrikansi.
5. Le Akhademi iya kusebenza kwakhona njengeziko lokunika inkxaso kootitshala nabafundi, nanjengeziko elibonelela ngezixhobo zokwenza uphando ngezekharityhulam nophuhliso, likwasebenze njengendawo yokuqeqeshelwa ubungcali kootitshala abasele besenkonzweni nabafundi abakumaziko oqeqesho lootitshala.
6. Njengoko uza kuxhoma umgangatho, kucelwa ukuba ibe ngabafundi abasele bezibonakalise ukuba banako ukuphumelela kwezi zifundo zingentla nabazimiseleyo ukusebenza nzima amabenze izicelo zobhaliso kule Akhademi.
7. Maziqaphele iinqununu ukuba asiyonjongo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuzihlutha abona bafundi batshatsheleyo ezifundweni, koko injongo kukunika abafundi, ngakumbi abo basuka kwiindawo ezihlelelekileyo, ithuba lokuphuhlisa izakhono zabo kwiakhademi exhaswa ngamazwe ngamazwe. IAkhademi yaseKapa iza kuba nezibonelelo ezikumgangatho oxhome kakhulu, ootitshala abanamava, abafunde bayityekeza imfundo nabaye kwixesha elidlulileyo bakhuthaza abafundi ukuba bazuze iziphumo ezisemagqabini.
8. Ngo-2004 iAkhademi iya kuba nendawo yokuhlala abafundi abangama-60. Izinto zokuthutha abafundi abahlala emakhaya ziya kufumaneka ukusuka kwesona sikhululo sikaloliwe sikufuphi naloo ndawo bahlala kuyo kunye neAkhademi.
9. Kuya kubizwa iifizi zesikolo ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, uMthetho 84/1996, nangokomgaqo-nkqubo weSebe leMfundo leNtshona Koloni. Isengathathelwa ingqalelo into yokunikwa iibhasari abafundi abahlelelekileyo. Ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu, qhagamshelana neNtloko yeCandelo: LeeNkonzo zokuNika iNkxaso kwiMfundo eneeMfuno eziZodwa kule nombolo yefoni (021) 467 2027.
10. Kuqhotyoshelwe kolu xwebhu ifom emayizaliswe zonke iinkcukacha, ihambe kunye namaxwebhu ayimfuneko njengoko echaziwe, emayithunyelwe kulo The Head of the Academy, Private Bag X3, TOKAI, 7966 ize ifike ungadlulanga umhla we-24 Oktobha 2003.
11. Ziyacelwa iinqununu ukuba zisasaze le phamflethi eqhotyoshelweyo, ukwenzela ukwazisa ootitshala, abazali, abagcini babafundi nabafundi abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula kwaye bancedise abafundi abanqwenela ukusebenzisa eli thuba elingazange libekho ngaphambili.

ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:09:23

Application Form  (ubukhulu: 38 KB)
Phamflethi: Iakhademi yasekapa yeMathematika, ISayensi ne Thekhinoloj  (ubukhulu: 53 KB)