1. |
ICandelo: LezoLawulo lamaZiko noCwangciso lwezoLawulo (The Directorate: Institutional Management and Governance Planning), ngokukodwa kwiCandelwana: LeZikolo ze-GET ne-FET, lithweswe umsebenzi wokuphonononga nokuhlaziya ifayili ethi The Guidelines for School Management and School Governance File, eyifayili eblowu, eyayithunyelelwe izikolo ngo-1999. |
2. |
Ukususela ekukhutshweni koxwebhu lokuqala ngo-1999, sekwenzeke iinguqu ezimandla kwimfundo, ezinjengeeNgcaciso zeKharityhulam kaZwelonke, umgaqo-nkqubo we-HIV/Aids, iMfundo eBandakanya wonke uMfundi neNgqinisekiso ngeMfundo eseMgangathweni (Inclusive Education and Quality Assurance), zinto ezo ezibangele ukuba kuvele izinto ezintsha nengcaciso entsha. |
3. |
Izikolo ziza kumana zinikwa qho iikopi zamaphepha okanye izahluko ezihlaziyiweyo yaye kucelwa ukuba zisuse amaphepha akule fayili eblowu zize zifake endaweni yawo amaphepha ahlaziyiweyo. Ngokwenjenjalo ziya kuqinisekisa ukuba iifayili zazo ezimana kukhangela kuzo zisoloko zihlaziywa qho yaye zinezinto zakutsha nje, oku ke kuya kwenza kube lula ukusingatha imisebenzi yemihla ngemihla yokuphathwa nokulawulwa kwesikolo. |
4. |
ICandelwana: LeZikolo ze-GET ne-FET liza kuthumelela izikolo amaxwebhu abhaliweyo. |
ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:09:11
|