1. INGCACISO YOKUTSHAYELELA

Esesine seziPhumo ezinguNdoqo ezikwiNgcaciso yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo sifuna ukuba abafundi babe nako “ukuqokelela, ukuhlela, ukucwangcisa nokuhlalutya ngeliso elibukhali ingcaciso”. Esi siphumo singundoqo, esikwabizwa ngokuba yiNgcaciso ngoLwazi lokuFunda nokuBhala, yintsika exhasa imfundo yokusebenzisa ulwazi oluvela ezincwadini nakwimithombo yolwazi ebandakanya, phakathi kwezinye izinto, ukuzifundela kwabafundi bafune ulwazi besebenzisa iincwadi namancedo amaninzi akhoyo.

Ukuze imfundo ejolise kwiziphumo ifundiswe ngempumelelo, kubaluleke kakhulu ukuba kubekho iintlobo ezininzi zeencwadi namancedo elayibrari, ukongeza kwiincwadi zezifundo ezimiselweyo nezifundwayo (textbooks and readers), nekufuneka zisetyenziswe ngabafundi mihla le. Ukwazi ukufikelela kwezi ntlobo zininzi zeencwadi namancedo zokuncedisa ekufundeni kwenza kube lula ukuphucula izakhono zengcaciso ngolwazi lokufunda nokubhala nezixhobisa umfundi akwazi

  • ukutolika ingcaciso ukwenzela ukuba azivelisele ulwazi lwakhe olutsha;

  • ukubona izinto ezintsingiselo imbaxa, ingachanekanga nengcaciso elaba-labayo;

  • ukuzenzela izigqibo ezicingisisiweyo ezisekelwe ekuhleleni nasekuhlalutyeni ingcaciso ngeliso elibukhali; yaye

  • ukucinga ngendlela yokubona izinto ngeendlela ezininzi.

2. KUTHETHWA NTONI XA KUSITHIWA IINCWADI NAMANCEDO ELAYIBRARI?

Iincwadi namancedo elayibrari kubandakanya:

  • imiqulu yokukhangela amagama nengcaciso (ii-ensayiklopidia, ii-atlasi, izichazi-magama, njl. njl.)

  • iincwadi ezingengomabali (iincwadi zengcaciso nezinto ezenzekileyo)

  • iincwadi ezingamabali (iinoveli, amabali amafutshane, iintsomi, iilejendi, iincwadi zemifanekiso, njl. njl.)

  • iiphowusta neephamfleti

  • iimagazini namaphephandaba

  • iividiyo esele zirekhodiwe, amakhasethi nee-CD-ROM

  • iiphakheji zeemidiya ezininzi

3. NGABA IKHO IMALI EVELA KWISEBE LEMFUNDO LENTSHONA KOLONI YOKUTHENGA IINCWADI NAMANCEDO ELAYIBRARI?
3.1 ImiGaqo nemiGangatho yoLwabiwo-mali yeZikolo (Norms and Standards Funding for Schools) yenza isibonelelo sokuthengwa kweencwadi namancedo elayibrari (kwakunye neencwadi zezifundo ezimiselweyo nezifundwayo (textbooks and readers)). KwiSetyhula 138/2003, iincwadi namancedo elayibrari zibandakanyiwe kwigama elithi "ezinye iincwadi" (khangela kwisiHlomelo A, somhlathi 4).
3.2 ISetyhula 138/2003 icacisa ithi kumhlathi 1.3 zonke izikolo mazikhuphe imali "yeencwadi zezifundo nezinye iincwadi" (text and other books) ubuncinane eyi:

R140 ngomfundi okumabakala esikolo esiyiprayimari

R220 ngomfundi okumabakala esikolo esiyisekondari

3.3 Umhlathi 3.2 wesiHlomelo A seSetyhula 138/2003 ucacisa uthi iFom WCED-034 mayisetyenziselwe ukuthenga iincwadi zezifundo ezimiselweyo nezinye iincwadi, oko ke kuquka iincwadi namancedo elayibrari.
3.4 Usuku olusikiweyo lokungenisa iifom zokuthenga "iincwadi zezifundo" ezimiselweyo nezinye iincwadi“ kwizikolo ezingekho phantsi kwesiQendu 21 lunikwe kumhlathi 3.5 njengowoku-1 Agasti 2003, okungahle oku kufune ithuba elingaphezulu lokufaka ii-odolo zokuthenga iincwadi namancedo elayibrari. Ngako oko ke usuku olusikelwe ezi zikolo ukuba zingenise iifom zokuthenga iincwadi namancedo elayibrari lwandisiwe lwaba ngowama-30 Septemba 2003.
3.5 Ukufumana ingcaciso nesikhokelo ngaphezu koku ngokumalunga nokuthengwa kweencwadi namancedo elayibrari, kucelwa ukuba uqhagamshelane nalo Mrs Colleen Meinert apha EDULIS (WCED Education Library and Information Service), ifoni 021-957-9638, okanye umthumelele i-imeyili apha Cmeinert@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:09:01

Annexure A:  Process for the procurement of goods and services  (from Circular 138/2003)  (ubukhulu: 32 KB)
Form: WCED 034 (Requisition text- and other books)  (ubukhulu: 11 KB)