1. Njengoko isi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa kuziilwimi zaseburhulumenteni kwiPhondo leNtshona Koloni, uyakhunjuzwa ke ngoko ukuba iisetyhula mazithunyelwe ngezi lwimi zontathu kwaye nezinye iindlela zonxibelelwano mazibe ngazo zontathu ezi lwimi.

2. Kulindeleke ukuba uyiphendule imbalelwano ngolwimi lombhalelwa (correspondent) obethumele incwadi. Ngako oko ke ukuba unolwazi malunga nokuba iziko elithile, umzekelo, umbutho wootitshala othile ukhetha ukusebenzisa ulwimi oluthile, uyacelwa ukuba unxibelelana nelo ziko ngolo ulwimi. Ukuba kuqhotyoshelwe izihlomelo (addendums) kwimbalelwano (ngokunjalo nakwiisetyhula), kukhethwa ukuba zibhalwe ngolwimi lwaloo mbhalelwa uphendulwayo. Nakuba kunjalo, kwiimeko apho izihlomelo zibhalwe ngamanye amaziko kwaye zingafumaneki ngolwimi lombhalelwa, zingaqhotyoshelwa njengoko zinjalo. Kodwa ke kufuneka ucele uxolo kuba zingakhange zibe nokuguqulwa, ngenxa yokuba, ukwenza umzekelo, uxinaniswe lixesha.

3. Siya kuyivuyela intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU- A.J. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:09:12