1. Kuthunyelelwe iSebe leMfundo leNtshona Koloni iingxelo ezimbalwa zokuba kukho abafundi abanesifo sokudumba kwenwebu yengqondo (meningitis) esikolweni.
2. Sinye qwaba kweli phondo liphela isiganeko sesifo sokudumba kwengqondo esiye sangqinwa yaye ziyalunyukiswa izikolo ukuba zingakuthathi oku “njengoqhambuko” lwesifo njengoko kuye kwakhutshwa iingxelo ezinjalo. Nakuba kunjalo, ukwenzela ukufundisa nokwenza izikolo zihlale zilungele nantoni, kuqhotyoshelwe apha iphamflethi evela kwiSebe lezeMpilo ukunazisa ngesi sifo nokuba nisoloko nithe qwa.
3. Ukuba ugqirha uye waqhagamshelana nesikolo malunga nobungqina besiganeko sokudumba kwenwebu yengqondo komnye wabafundi okanye wootitshala, makuthathwe ngokukhawuleza, yinqununu nebhunga lolawulo, la manyathelo alandelayo:
  1. Makuqhagamshelwane neZiko loLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDC) kuxelwe ubungqina besiganeko sokubhaqeka kwesi sifo esikolweni.

  2. I-EMDC mayenze uqhagamshelwano nabeeNkonzo zeMpilo beCandelo leZifo ezoSulelayo baloo Ngingqi (Regional Health Services’ Communicable Disease Unit). Eli Candelo leeNkonzo zeMpilo liya kufika apho esikolweni liye kubeka esweni imeko lihlole ubungakanani bomngcipheko esikuwo isikolo. Umngcipheko wosuleleko ungathathwa njengophantsi, njengophakathi okanye njengophezulu ngokuxhomekeka kwimiba eliqela eya kuthi ihlolwe yikomiti yeeNkonzo zeMpilo (Health Services team).

  3. Iingcebiso ngamanye amanyathelo anokuthathwa ziya kwenziwa yikomiti yezeMpilo kunye nabaphathi be-EMDC, kuze kuqhutyekwe nokubeka esweni imeko leyo xa kukho imfuneko yoko.

4. Ziyabongozwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zikuthathe oku njengomba onobuzaza, zize zilandela la manyathelo kwimeko engalindelekanga yokuxelwa kokuqhambuka kwesi sifo sokudumba kwenwebu yengqondo ezikolweni zazo.


ISAYINWE: NGU-R. B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:28

Meningitis pamphlet  (ubukhulu: 9 KB)