1. |
NgokweMithetho eFakela iziLungiso kwiMithetho yeMfundo, iziqendu ezithile zoMthetho okhankanywe apha ngasentla zifakelwa izilungiso, nto leyo ebangela ukuba ukudluliswa kwamagunya kulungiswe apha naphaya ukungqinelana noku.
|
2. |
Ukwenzela ukuba iinqununu ziwafumane ngokulula la maxwebhu, kuqhotyoshelwe kuphela apha isishwankathelo samagunya (iziqendu) adluliselwe kwiinqununu yiNtloko yeSebe leMfundo ngokoMthetho okhankanywe apha ngasentla. La magunya adityanisiweyo aqala ukusebenza ngoko nangoko. |
3. |
Ngako oko ke ngokwenjenje iyatshitshiswa isetyhula 0013/2000 yowe-13 Januwari 2000. |
4. |
Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu. |
ISAYINWE: NGU-J.A. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:18
|