1. Kulo nyaka uSuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwamaZwe ngamaZwe lungoMvulo wesi-8 Septemba, ize iVeki yoLwazi lokuFunda nokuBhala yamaZwe ngamaZwe isusele ngoMvulo wesi-8 kuye kuLwesihlanu we-12 Septemba. Ayakhuthazwa onke amaziko eSebe leMfundo leNtshona Koloni ukuba aququzelele imibhiyozo yokukhuthaza esi siganeko sibaluleke kangaka.

2. Le mibhiyozo mayibandakanye ootitshala, abafundi, abazali nabahlali ngokubanzi ngokuthi bathathe inxaxheba komnye okanye kweminye yale migcobo equka ukubalisa amabali kunye/okanye ukubhala. Okucetyiswayo malunga nale migcobo kukwisiHlomelo A.

3. Ii-EMDC ziza kuququzelela imibhiyozo yoSuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwamaZwe ngamaZwe lwamagosa azo ngolu hlobo lulandelayo:
3.1 EMDC Metropole Central: Amagosa e-EMDC avela kwiinkalo ngeenkalo aya kungenela iprogram yokufunda incwadi aze axoxe ngemibandela yolwazi lokufunda nokubhala. Kuya kuxoxwa nzulu ngezinto ezicetyiswayo malunga nokukhuthaza ulwazi lokufunda nokubhala kuzo zonke iinkalo zezifundo. UMququzeleli woLwazi lokuFunda nokuBhala we-EMDC uya kuqhagamshelana nezikolo malunga nokuba zingayenza njani na imigcobo yoSuku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwamaZwe ngamaZwe.
3.2 EMDC Metropole East: Abameli benkalo nganye baya kuthatha incwadi kwilayibrari yeKholeji yeMfundo yaseNtshona Koloni, bayifunde baze babelane ngolwazi abalufumene kuyo nabameli bezinye iinkalo. ITrakhi ePhuphuma ngamaCebiso (Ideas Truck) iya kutyelela iqela lezikolo yenze umboniso weencwadi. Abantu abaphuma kubahlali baya kusebenzisa iincwadi ezithathwe kwiProjekthi yeeNcwadi zokuFunda ezili-100+ baze bafundele abafundi nootitshala amabali.
3.3 EMDC Metropole North: Isiganeko sokulayitwa kweKhandlela: Abasebenzi abakwi- EMDC baya kumenywa ukuba baze kulayita amakhandlela baze bawabeke phezu kweli gama likhulu lisikiweyo ‘Literacy’ ukukhumbula bonke abantu bangafundanga. Amagosa aya kunikwa ithuba lokwabelana nabanye abasebenzi apho ngolwazi lweencwadi (ezintsha okanye ezindala) aze abakhuthaze ukuba bafundele umntwana ngaloo mini. Ootitshala/abasebenzi baya kufumana i-bookmark engaqhelekanga.
3.4 EMDC Metropole South: Kuya kubakho umboniso weencwadi kwiZiko leeNcwadi namaNcedo (Resource Centre) lale EMDC iveki yonke. Oku kuya kuquka umboniso weeNcwadi ezili-100+, imiboniso eyenziwa ngabapapashi beencwadi nomboniso oliqhayiya weencwadi ezibhalwe ngabafundi. Kuya kwaziswa uluntu ngeGumbi leeNcwadi namaNcedo (Resource Room) elinezinto zokufunda, neencwadi, neejenali kunye ne-software. Kuya kubakho umdlalo weqonga olungiselelwe olu Suku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwamaZwe ngamaZwe oya kudlalwa kule-EMDC.
3.5 EMDC Breede River/Overberg: Kuya kwenziwa umbhiyozo - malunga nezikolo ezisi-8 (eziqhelekileyo neze-Elsen) eziya kwenza izibongo nezo zenziwa liqela labafundi kunye. Kuya kwaziswa iZiko leeNcwadi namaNcedo elitsha. Kuza kubhengezwa abo baphumelele ukhuphiswano lokubhala. U-EDULIS nabapapashi beencwadi baya kubonisa iincwadi ezilungele izikolo ngolu suku.
3.6 EMDC South Cape/Karoo: Kuza kuvulwa umnxeba wefoni (hotline) oya kusebenza ngayo yonke loo veki yoLwazi lokuFunda nokuBhala yamaZwe ngamaZwe, noya kunika izikolo ingcebiso ngokufunda, iiprogram zokufunda nangeencwadi namancedo akhoyo. Oku kuza kupapashwa kumaphephandaba afundwa kule ngingqi. Kumenywe oosodolophu beedolophu ezikule EMDC ukuba batyelele izikolo ukuya kufundela abafundi. Ziceliwe izikolo ukuba zimeme amagosa eli sebe ukuba aye kufunda okanye kubalisa amabali ezikolweni. Kuza kuxhonywa kwii-EMDC iiphowusta ezivela kwizikolo ngezikolo, eziza kubonisa ukuvuyela ulwazi lokufunda nokubhala.
3.7 EMDC West Coast/Winelands: I-EMDC nesekethe nganye ziza kwenza amalungiselelo awodwa, iyileyo naleyo, olu Suku loLwazi lokuFunda nokuBhala lwamaZwe ngamaZwe. Abafundi beBakala R bezikolo zalapha baza kuya kumboniso woonopopi oqaqambisa ulwazi lokufunda nokubhala. Ababalisi-mabali abasuka kubahlali baza kuthatha inxaxheba. ISekela-sodolophu lasePere liya kuba sisithethi sembeko.

4. Ingcebiso engaphezulu ngokumalunga nalo mbandela ingafumaneka kwaba Baququzeleli boLwazi lokuFunda nokuBhala bee-EMDC:
        Metropole Central:       Mr G Davids       021 659 4423
        Metropole East:          Ms K Mabandla     021 900 7014
        Metropole North:         Ms J Caroto       082 874 5478
        Metropole South:         Ms M Kwinana      021 372 2770
                                 Ms J Leukes       021 370 2044
                                 Ms C Nissen       021 782 6102
        Breede River/Overberg:   Ms M Siddle       023 348 4633
        Southern Cape/Karoo:     Ms C du Plessis   044 690 4007
        West Coast/Winelands:    Ms J Baatjes      021 860 1562
                                 Ms F Lawrence     021 860 1561

5. Ziyabongozwa iintloko zamaziko emfundo, njengabalawuli bekharityhulam bezikolo zabo, ukuba zisixhase mpela esi siganeko sibaluleke kangaka.

ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:22

ISIHLOMELO A: IINGCEBISO EZINIKWA IZIKOLO MALUNGA NOKUBHIYOZELA  (ubukhulu: 20 KB)