1. Avunyiwe la malungiselelo alandelayo ukwenzela ukuqinisekisa ukuba unyaka wesikolo ka-2003 ufikelela esiphelweni ngendlela enocwangco.
2. UMphathiswa weMfundo kaZwelonke ubhengeze ukuba iziphumo zeMatriki zawo onke amaphondo ziya kwaziswa ngoLwesibini wama-30 Disemba 2003.
3. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni seligqibile ukuzilungisa iziphumo ngalo mhla, ukumakishwa kwamaphepha eempendulo zabaviwa makuqaliswe ngoLwesibini we-2 Disemba 2003.
4. Ikota yesine iphela ngoLwesihlanu we-5 Disemba 2003 kubafundi ize iphele ngoLwesibini we-9 Disemba 2003 kootitshala.
5. Njengoko usuku lokugqibela lokuya esikolweni lwabo bonke abafundi bamaBakala R kuye ku-11 inguLwesihlanu we-5 Disemba 2003, uvavanyo lokuphela konyaka olwenziwa sisikolo ngokwaso maluqhutywe ngolu hlobo:
5.1 AmaBakala R kuye ku-7

Ootitshala bamaBakala R kuye ku-7 bangawagqibezela amaxwebhu abo oVavanyo Rhoqo (CASS) kunye neeshedyuli zokupasa kwabafundi kwiveki yokugqibela kaNovemba 2003, njengoko kungekho mfuneko yokuba aba bafundi babhale iimviwo.

5.2 IBakala 8

Iimvavanyo eziyinxalenye yoVavanyo Rhoqo (CASS) kwiBakala 8 mazibhalwe ukususela kuLwesine wesi-6 Novemba 2003 kuye kuLwesibini wama-25 Novemba 2003.

5.3 IBakala 9

ImiSebenzi yesiQhelo eMiselwe uVavanyo (CTAs) mayiqhutywe ngolu hlobo lulandelayo:

ICandelo A: NgoMvulo wesi-6 Oktobha kuye kuLwesihlanu wesi-7 Novemba 2003 ngethuba leeyure zesikolo eziqhelekileyo.

ICandelo B: Ukususela ngoMvulo we-10 Novemba 2003 kuye kuLwesihlanu wama-21 Novemba 2003 ngokwesicwangciso samaxesha okubhala sikazwelonke esakhutshwa ngesetyhula (khangela kwiSetyhula 122/2003).

5.4 AmaBakala 10 no-11

Kwizikolo ezizisekondari iimviwo zingabhalwa ngethuba leentsuku ezili-14 ekulelona thuba lide. Iimviwo zangaphakathi zamaBakala 10 no-11 mazibhalwe ukususela kuLwesine wesi-6 Novemba 2003 kuye kuLwesibini wama-25 Novemba 2003 ukwenzela ukuqinisekisa ukuba iinkqubo eziyimfuneko zenziwe ngokufanelekileyo nokuba amaxwebhu alungiswa kwangexesha ukulungiselela inkqubo yokumodareyitha nokupasa kwabafundi nekumele yenziwe igqitywe zikomiti zemiba ngemiba yezemfundo ezikwii-EMDC ngoMvulo wesi-8 Disemba 2003. Zonke izicwangciso zamaxesha okubhala iimviwo mazingeniswe kuMlawuli we-EMDC echaphazelekayo ngenjongo yokuba anike imvume yokugqibela.

6. Amalungiselelo oviwo lwabafundi beBakala 12
6.1 UViwo lweMatriki luqala ngoMvulo we-13 Oktobha 2003 luze luphele ngoLwesihlanu wama-21 Novemba 2003.
6.2 Usuku lokugqibela lokuya esikolweni lwabafundi beBakala 12 phambi kokuba kuqale uviwo lweMatriki nguLwesithathu wesi-8 Oktobha 2003. Mayigxininiswe into yokuba abaviwa bahlala bephantsi kolawulo lwesikolo de kuphele uviwo ngowama-21 Novemba 2003.
7. Iinkqubo zoVavanyo Rhoqo (CASS)
7.1 Makugcinwe iiprofayili neephothifoliyo zabafundi zilungele ukungeniswa kwiikomiti zemiba ngemiba yezemfundo ezikwii-EMDC ukulungiselela ukumodareyitha nokupasa kwabafundi ekupheleni konyaka wesikolo.
7.2 Ubungqina bovavanyo nokurekhodwa kwabo zezona zinto ziphambili zijongwayo xa kusenziwa izigqibo malunga nokupasa komfundi ekupheleni konyaka wesikolo.
7.3 Bonke abathathi-nxaxheba mabakuqonde ukubaluleka kokugcinwa kweeprofayili neephothifoliyo zabafundi ezingqiniweyo nezihlaziywa qho, njengoko izizo ezibonisa inkqubela yomfundi ngawo wonke unyaka.
8. Ukhuseleko lwabafundi ekupheleni konyaka
8.1 Ukhuseleko lomfundi ngamnye lusoloko lubaluleke ngokukodwa. Ziyacelwa izikolo ukuba zixoxe ngamanyathelo okhuseleko njengento emayiqwalaselwe kuqala, zikuxoxe oku nabo bonke ootitshala nabasebenzi beziko xa kusenziwa izicwangciso zokuphela konyaka.
8.2 Mabaxelelwe ngesaziso esibhaliweyo abazali nebhunga lolawulo ngamalungiselelo okuphela konyaka nangezicwangciso zesikolo zokhuseleko lwabo bonke abafundi.
8.3 Indima, uxanduva, izigqibo, imithetho neziphumo ezingakho zokungacwangciseli ukhuseleko lwabafundi mazicaciswe gca kubo bonke ootitshala, abazali, abafundi nakwanye abathathi-nxaxheba.
8.4 Mabaxelelwe abazali ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo kumalungiselelo nangabo nabaphi na abafundi abangathobeli miyalelo nabangalandeli loo malungiselelo kugqitywe kuwo.
8.5 Bonke abenza iinkonzo (service providers) abakwalapho kubahlali, umz. amapolisa ezendlela, amapolisa kamasipala, abo bathutha abafundi ngezithuthi nabaqhubi beeteksi, mabaxelelwe ngezicwangciso zesikolo zokuphela konyaka ukwenzela ukuba babe nokunika uncedo xa kukho imfuneko yoko.
8.6 Makunikwe imigaqo emayilandelwe yamatheko okuphela konyaka kwaye bonke abafundi mabaxelelwe ngayo yonke imiba yokhuseleko nokuba noxanduva ukwenzela ukuba bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-R. B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:18