1. Esi sihlomelo silandelayo soMgaqo-nkqubo kaZwelonke ongokuQhutywa kweeMviwo zeMatriki sivele kuMqulu 455 weGazethi kaRhulumente 24852 yowe-9 Meyi 2003: “Owona mhla wokugqibela kumntu wonke wokubhaliswa kwabaviwa namahlelo ezifundo (subject grades) makube ngowe-15 Matshi 2004 noza kuhlala ungulo mhla nasemva koko.” Lo Mgaqo-nkqubo kaZwelonke mtsha mawuphunyezwe ngawo onke olithoba amaphondo.
2. Oku kuthetha ukuba akusayi kubakho tshintsho kuhlelo lwezifundo lunokwenziwa ngabaviwa beMatriki okanye zizikolo okanye ngamaziko emva komhla we-15 Matshi kunyaka ngamnye. Njengoko oku kuthetha ukuba iimviwo zokuphela konyaka zeBakala 11 kuya kunyanzeleka ukuba ibe zizo ezinokusetyenziswa zizikolo, ngabaviwa nangabazali ukwenza utshintsho lokugqibela kuhlelo lwezifundo, maziqinisekise izikolo ukuba iimviwo zazo zeBakala 11 zikumgangatho ofanelekileyo. Nakuba kunjalo, ngokweSetyhula yeXeshana 0014/2003 yowama-25 Matshi 2003, ziya kuqwalaselwa izicelo ezizodwa zokutshintsha uhlelo kwiimeko ezingaqhelekanga kakhulu phambi kowama-30 Apreli
3. Ziyakhunjuzwa izikolo ukuba izigqibo ngokutshintshwa kohlelo lwezifundo mazenziwe ngumzali ngokubhungisana nesikolo - kungabi sisikolo kuphela. Nceda ufunde iSetyhula 0050/2001 ngokumalunga noku.
4. Amanqaku oVavanyo Rhoqo makaqokelelwe ukususela ekuqaleni konyaka ngokwehlelo (grade) umfundi abhalisele lona kuviwo lweMatriki, nangona kwizifundo ezithile amanqaku eqokelelwa ukususela ngoJulayi kunyaka wokwenza iBakala 11.
5. Nceda wazise okubhalwe kule setyhula abafundi, ootitshala, abazali kunye namabhunga olawulo ezikolo ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.

ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLDT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:07:29