1. Izikolo namagosa aye achazelwa kwezi Setyhula 0045/2001 yangomhla we-15 Meyi 2001, 155/2001 yangomhla wama-23 Novemba 2001 no-0065/2002 yangomhla wesi-7 Agasti 2002 malunga nendlela yonxibelelwano nge-elektronikhi, ukuposwa kwezinto ezithunyelwa nge-elektronikhi nangenkqubo ye-e-posimasta yeSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2. Le nkqubo ye-e-posimasta yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED e-postmasters) neya kwenza ukuba izikolo namagosa eSebe leMfundo leNtshona Koloni akwazi ukunxibelelana nge-imeyili, seyigqityiwe yaye ilungele ukusetyenziswa. Oku kuthetha ukuba kuveliswe iimpawu zokuphawula nokwahlula ii-imeyili zalo ngalinye lamacandelwana (functional units) eSebe leMfundo leNtshona Koloni nokuba sekusekwe amazikwana okudlulisa ii-imeyili eziya kwezi dilesi. Ngako oko ke kwixesha elizayo izikolo zinganxibelelana nee-e-posimasta zeSebe leMfundo leNtshona Koloni. Nakuba kunjalo, makuqatshelwe umgaqo-nkqubo we-e-posimasta yeli Sebe leMfundo nocacisiweyo kwisiHlomelo A esiqhotyoshelweyo.
3. Iinkcukacha zonxibelelwano nee-e- posimasta nemibandela ekungaqhagamshelwana ngayo nazo ikuluhlu oluqhotyoshelweyo (isiHlomelo B). Olu luhlu noluza kumana luhlaziywa qho luza kufakwa kwiphepha lewebhu leli Sebe leMfundo apha:

http://wced.wcape.gov.za/home/contacts/e-postmaster/e-post_index.html.


4. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zisebenzise inkqubo ye-e-posimasta yeli Sebe leMfundo kangangoko zinako kwixesha elizayo. Zikwacelwa kwakhona izikolo namagosa ukuba zijonge ii-imeyili zazo ubuncinane kathathu ngemini ukuqinisekisa ukuba xa kungena imbalelwano iqwalaselwa ngoko nangoko.
5. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-A.J. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:28

IsiHlomelo A:   UMGAQO-NKQUBO WEPOSIMASTA YE-ELEKTRONIKHI (WE-E-POSIMASTA)  (ubukhulu: 23 KB)
IsiHlomelo B:   List of WCED E-posmasters  (ubukhulu: 29 KB)
WCED IT Helpline contact details  (Annexure C to above Electronic Postmaster Policy document)   (ubukhulu: 11 KB)