1. Ngenxa yeeSetyhula 0095/2003 yowe-16 Apreli 2003 no -0136/2003 yowe-18 Juni 2003, ngokulandelelanayo, ngokwenjenje uyaziswa ukuba izicelo zephakheji yokuqhawulwa kwenkonzo zabasebenzi ekuthiwe bangaphezu kwemfuneko nabathe mhlawumbi baluphosa usuku lwangaphambili lokuvalwa kokungeniswa kwezicelo, zingamkelwa ngenjongo yokuba ziqwalaselwe kude kube yaye kuqukwa nalo mhla wokuvala we-12 Septemba 2003. Nakuba kunjalo, bayacelwa abasebenzi abangaphezu kwemfuneko ukuba bangenise izicelo zabo kwangethuba njengoko zingenakusingathwa izicelo zabo emva kokuphelelwa kwesiGqibo 7/2002. Emva koku akusayi kubakho nasiphi na isizathu esisemthethweni sokunika ezi phakheji zokuqhawulwa kwenkonzo.
2. Ngokumalunga nomhla wokuphuma enkonzweni, o.k.t. olona suku lokugqibela lokuba semsebenzini, kunyanzelekile ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni linike abaqeshwa isaziso senyanga sokupheliswa kwenkonzo. Ngenxa yoku, abaqeshwa abazicelo zabo zivunyiweyo ngoku baya kuyishiya inkonzo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngowoku-1 Novemba 2003.
3. Nceda wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho kunye namalungu ebhunga lolawulo lesikolo sakho okubhalwe kule setyhula.

ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:07