1. Kukho iqela leebhasari ezivela kwingxowa-mali ye-Vic Bridges Foundation Trust ezinokufunyanwa ngabafundi abakwiBakala 12 abanqwenela ukufunda eyunivesithi, ekholejini okanye etheknikhoni ngo-2004. Iibhasari ezisisixamali sonyaka ngamnye esingama-R500,00 ziyafumaneka okwethuba leminyaka emithathu.
2. Izicelo mazifike kule ofisi ungadlulanga uLwesihlanu wesi-5 Disemba 2003.
3. Izicelo ziya kuqwalaselwa ngabathenjwa (trustees) yaye kuya kunikwa iibhasari ezintlanu (5) eziya kukhethwa ngokuthi kujongwe ukugqwesa nobungakanani bemfuno kubenzi-sicelo abo. Intlawulo yebhasari iya kuxhomekeka ekungenisweni kobungqina bokuba (a) umenzi-sicelo ubhalise njengomfundi osisigxina kunye (b) neziphumo zeemviwo zomenzi-sicelo zonyaka odlulileyo.
4. Ukuba ofumene ibhasari uyayeka ukufunda, mabaziswe abathenjwa ngembalelwano. Kwimeko enjengale baya kuba nelungelo abathenjwa, ngokwengqiqo yabo, ukubiza kulowo ubenikwe ibhasari loo mali ebiseyihlawulwe.
5. Ukuba, ngokoluvo lwabathenjwa, ayanelisi inkqubo okanye indlela aziphethe ngayo lowo unikwe ibhasari, lilungelo labo ukuyihlutha ibhasari leyo.
6. Nceda wazise bonke abachaphazelekayo okubhalwe kule setyhula.
7. Eminye imibuzo ngokunxulumene nale setyhula ingabhekiswa kuMnu B. Le Keur kule nombolo yefoni 021 467 2772.


ISAYINWE: R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:27

ISICELO SEBHASARI YOKUFUNDA SE- VIC BRIDGES FOUNDATION  (ubukhulu: 18 KB)