1. Esi sikhokelo siqhotyoshelweyo siveliswe ngenjongo yokunceda abo bakwiikomiti zolawulo lwesikolo, ootitshala namalungu ebhunga lolawulo esikolo malunga nokucwangcisa, ukusekwa, ukuququzelela nokwenziwa kwentsebenziswano nezinye izikolo.
2. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zisifunde esi sikhokelo ngenyameko enkulu njengoko sikwanika ootitshala ingcaciso ngezinto abazizuzayo, imigaqo engundoqo kunye nendima yamabhunga olawulo esikolo ngokumalunga nentsebenziswano nezinye izikolo. Ingcaciso engaphezulu ifumaneka kubaphathi beesekethe.
3. Nceda wazise bonke abasebenzi, amalungu ebhunga lolawulo okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:07:29

INTSEBENZISWANO NEZIKOLO NGENJONGO YENKQUBELA  (ubukhulu: 34 KB)