1. Izikolo eziNgekho Phantsi kwesiQendu 21 (Non-Section 21 schools) zaziceliwe kwezi Setyhula 0084/2001 yowama-22 Juni 2001 no-0069/2002 yowama-21 Juni 2002, ukuba zingenise, ukulungiselela ukwenziwa kwentlawulo, ii-invoyisi ezingqiniweyo (certified invoices) zeempahla kunye/okanye zeenkonzo ezithengwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni egameni lazo, zingaphelanga iintsuku ezi-5 zokuzifumana kwazo. Ngelishwa kusekho ezinye izikolo ezingasenziyo esi sicelo.

2.

Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba intlawulo yenziwa kwangexesha, ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba zincede zithumele amaxwebhu afunekayo agximfizwe ngokubonakalayo istampu sesikolo yaye igama lalowo ungqina ukufunyanwa kweempahla neenkonzo libhalwe ngokucacileyo kunye namaphepha ahamba neempahla ezizisiweyo, kule dilesi ilandelayo:

The LSM Project Manager
Western Cape College of Education
Block C, Metropole East
Nooiensfontein Road
KUILS RIVER
7580


3. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.

ISAYINWE: NGU-J.A. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:08:25