1. Okuthunyelwa nolu xwebhu sisicwangciso samaxesha afanayo sokubhala uvavanyo oluqhuphayo (summative) lweMfundo yaBadala lwabafundi beNqanaba 3 luka-Oktobha-Novemba 2003
1.1 Olu vavanyo luqala ngowama-22 Oktobha 2003 luze luphele ngowesi-7 Novemba 2003. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-18:00 kuye kweye-20:30. Olu vavanyo lubonelelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni ukwenzela ukunceda abafundi ukuba baphucule izakhono eziyimfuneko zokubhala iimviwo zenqanaba 4. Ayacelwa ke ngoko amaziko emfundo ukuba alandele ngqo isicwangciso samaxesha yaye aluqhube olu viwo ngokufanayo nolo lwenqanaba 4.
1.2 Ukulungiselela iinjongo zolawulo, kubalulekile ukuba abaphathi bamaziko oluntu babe kumaziko lawo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
1.3 Ukuba uvavanyo lweziko lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yoluntu makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
1.4 Amaziko makanike bonke abaviwa bawo nootitshala isicwangciso samaxesha okubhala ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zovavanyo oluquphayo.
1.5 Abaphathi bamaziko mabakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa kwabo ukuba bahlalele iimviwo phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
2. Imigaqo yesikhokelo emayisetyenziswe kolu vavanyo ifana kakhulu naleyo yayisetyenziswa ngo-2002, kodwa ke inani lilonke lamanqaku kwiphepha lemibuzo ngalinye liya kuba ngama-80. Amanqaku okugqibela oviwo oluquphayo angama-20 aya kuthathwa kuviwo lwesiqhelo.
3. Ncedani nikhangele kwiSetyhula 74/2003 ingcaciso engenkxaso engaphezulu kunye neenombolo zoqhagamshelwano zabacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET.
4. Niyacelwa ukuba ninqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:07:04

ABET LEVEL 3 Assessment Timetable  (ubukhulu: 7 KB)