1. Okuthunyelwa nolu xwebhu sisicwangciso samaxesha okubhala uvavanyo oluqhuphayo (summative) lweMfundo yaBadala kwiNqanaba 4 ngo-Oktobha 2003 esifike sivela kwiSebe leMfundo likaZwelonke.
1.1 Uvavanyo oluqhuphayo luqala ngowesi-6 Oktobha 2003 luze luphele ngowama-27 Oktobha 2003. Nganye inkalo yesifundo iya kubhalwa ukususela ngentsimbi ye-14:00 kuye kweye-17:00. Njengoko olu vavanyo iyinkqubo eyenzeka kuzwelonke, imihla namaxesha ayafana kwilizwe lonke. Akusayi kuvunyelwa konke konke ukutenxa kule mihla/okanye kula maxesha.
1.2 Ukulungiselela iinjongo zolawulo, kubalulekile ukuba abaphathi bamaziko oluntu babe kumaziko lawo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yovavanyo nganye.
1.3 Ukuba uvavanyo lweziko lakwa-ABET lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yoluntu makenze amalungiselelo kwangoko okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese njl. njl.
1.4 Amaziko makanike bonke abaviwa nootitshala isicwangciso samaxesha okubhala ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zovavanyo oluquphayo.
1.5 Abaphathi bamaziko mabakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa kwabo okokuba bahlalele iimviwo phambi kokuba kuqale iseshoni yovavanyo nganye.
2. Ncedani nikhangele kwiSetyhula 75/2003 ingcaciso engenkxaso engaphezulu kunye neenombolo zoqhagamshelwano zabacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET.
3. Niyacelwa ukuba ninqwenelele bonke abaviwa impumelelo kwiimviwo zabo egameni leSebe leMfundo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:07:02

ABET Level 4 Assessment Timetable  (ubukhulu: 13 KB)