NgoMvulo we-9 Juni 2003 iKomiti yaBaphathiswa bezeMfundo ivumile ukuba kupapashwe uxwebhu oluhlaziyiweyo lomGaqo-nkqubo oyiDrafti ongezeNkolo neMfundo ngenjongo yokucela izimvo zoluntu ngokubanzi.

ISebe leMfundo likazwelonke liwupapashe lo mgaqo-nkqubo oseyidrafti kwiGazethi kaRhulumente 25127 yomhla wesi-23 Juni 2003.

Iyafumaneka ikopi yolu xwebhu kwiziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni elileli: WCED-Online (http://wced.wcape.gov.za).  Ziyakhuthazwa izikolo ukuba ziwufundisise lo mgaqo-nkqubo oseyidrafti zize zingenise izimvo zazo ungadlulanga owe-18 Julayi kulo:

The Director-General
Department of Education
Private Bag X895
Pretoria
0001
E-mail:  opperman.s@doe.gov.za
Fax: 012 312 4751

Siyayibulela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:25