1. |
Ngenxa yemibuzo eliqela emalunga nokuphunyezwa komgaqo-nkqubo wesibonelelo sokubambela kwabasebenzi abakula manqanaba emivuzo 1 kuye ku-12, uMphathiswa weNkonzo kaRhulumente noLawulo wenze ezinye izigqibo malunga noku kulandelayo neziqala ukusebenza ngowoku-1 Apreli 2002, (ekungumhla wokuqala ukuphunyezwa komgaqo-nkqubo wesibonelelo sokubambela): |
1.1 |
|
Abasebenzi ababini, emayibe ngabona baninzi, bangafumana isibonelelo sokubambela ngokomlinganiselo womsebenzi abawenzayo ukuba batyunjiwe ukuba babambele kwisithuba esinye esihlawulwa ngaphezulu esivulekileyo, makuqondakale nje ukuthi
Imisebenzi eyimfanelo yeso sithuba sihlawulwa ngaphezulu yahlulwa phakathi kwabasebenzi bobabini abo babambeleyo kweso sithuba nokuthi kubalwe ngohlobo lomlinganiselo (umz. 30/70%) phambi kokuba batyunjwe ukuba babambele kweso sithuba sihlawulwa ngaphezulu sivulekileyo.
Eyona mali iphezulu (idityanisiwe) yesibonelelo sokubambelela esiza kuhlawulwa abo basebenzi babini ngumahluko phakathi kwenotshi yomvuzo womsebenzi okulelona hlelo lusezantsi nenotshi yokuqala yomvuzo womsebenzi wesithuba esihlawulwa ngaphezulu esivulelekileyo. (Oku kuthetha ukuba inkcitho mayingadluli kwinkcitho ebiza kwenziwa ukuba bekutyunjwe kuphela umsebenzi okolona hlelo lusezantsi ukuba abambele kweso sithuba sivulekileyo sihlawulwa imali ephezulu.)
Isibonelelo sokubambela somsebenzi ngamnye siya kubalwa ngokwalo mlinganiselo uchazwe apha ngasentla. (Oku kuthetha ukuba xa ukwahlulwa kwemisebenzi phakathi kwaba basebenzi kuyi 30/70%, omnye umsebenzi uza kufumana i-30% aze omnye afumane i-70% yemali iyonke (idityanisiwe) yesibonelelo sokubambela.)
|
1.2 |
|
Ukuba inotshi yomvuzo womsebenzi (idibene nenotshi enikwa umntu lowo) (including a personal notch) ingaphezu kwenotshi yokuqala yomvuzo wesithuba esiphezulu esivulelekileyo esine nkxaso mali, eso umsebenzi aye atyunjelwe sona, intlawulo yesibonelelo sokubambela iya kuba ngumahluko phakathi kwenotshi yomvuzo wakhe ngoku kunye nenotshi yomvuzo elandelayo yesithuba esingaphezulu esivulekileyo oku kuya kuthi kwenzeke ukuba ngaba kukho umahluko. Ukuba isithuba esiphezulu esivulelekileyo sisithuba sabaSebenzi bezoLawulo (SMS) umahluko phakathi kwenotshi yomvuzo wakhe ngokukunye ne-60% yomvuzo oyiphakheji ebandakanya izinto ngezinto zesithuba sabaSebenzi bezoLawulo (SMS), iya kuthi ihlawulwe, ukuba ngaba kukho umahluko. |
1.3 |
|
Ukuba intlawulo yesibonelelo sokubambela iqala emva kosuku lokuqala lwenyanga okanye iphela phambi kosuku lokugqibela lwenyanga, intlawulo yosuku ibalwa ngokwahlula-hlula isixa-mali sonyaka ngo-12 (olinani leenyanga zonyaka) nangenani leentsuku zekhalenda zaloo nyanga ithile. |
ISAYINWE: NGU-G.J. ELLIOTT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:17
|