Ukwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo kulawulwa nguMthetho womGaqo-nkqubo weMfundo kaZwelonke, 1996 (uMthetho 84/1996), (National Education Policy Act, 1996 (Act 27/1996)), nguMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996), (South African Schools Act, 1996 (Act 84/1996)), ngumGaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi kaZwelonke kwiZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo (ISaziso 2432/1998) (National Admission Policy for Ordinary Public Schools (Notice 2432/1998) kunye neesetyhula ezikhutshwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Eli Sebe leMfundo libongoza zonke izikolo ukuba zihambe ngqo ngemigaqo esemthethweni nangomoya omhle wokuba bonke abafundi babonelelwe ngemfundo ngohlobo olungenalucalu-calulo.

1. Iinkqubo zokwamkelwa kwabafundi (Admission Procedures)
1.1 Qho minyaka le, iSebe leMfundo leNtshona Koloni lifumana intlaninge yeengxaki ezimalunga nokwamkelwa kwabafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo. Ukwenzela ukuhlangabezana nezi ngxaki, eli Sebe leMfundo linqwenela ukuqalisa inkqubo enguvulindlela yokulawula ukwamkelwa kwabafundi ngo-2003/04.
1.2 Injongo yale nkqubo enguvulindlela kukufikelela kwinkqubo esekwe ngendlela eyiyo, engenacalu-calulo yokwamkelwa kwabafundi apho abafundi beNtshona Koloni banokufumana indawo ezikolweni kwangaphambi kosuku lokuqala lonyaka wesikolo ukuze ke kuqale ukufundiswa nokufunda kwangosuku lokuqala lonyaka wesikolo.
1.3 Le nkqubo inguvulindlela icetywayo yango-2003/04 inamathuba amabini okwamkela abafundi kwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo:
  • Ithuba lokuqala lokwamkela abafundi liya kuqala ngowe-2 Juni 2003 lize livalwe ngowama-29 Agasti 2003.

  • Ithuba lesibini liya kuqala ngowoku-1 Oktobha 2003 lize livalwe ngowama-31 Oktobha 2003.

1.4 Emva kwethuba lokuqala lokwamkela abafundi eliphela ngowama-29 Agasti 2003, ngasinye isikolo masingenise kwiZiko loLawulo noPhuhliso lweMfundo lalo (EMDC) ngowe-19 Septemba 2003, inani lezithuba ezikhoyo esikolweni kwibakala ngalinye zixele nolwimi lokufundisa kwezo zithuba zikhoyo. Le ngcaciso mayingeniswe ibhalwe kwifom eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A).
  • Izikolo mazizalise zize zingenise isiHlomelo B esibonelela ingcaciso eya kwii-EMDC engabafundi abangamkelekanga esikolweni ngethuba lolwamkelo lokuqala.

  • Isikolo masixelele umzali (abazali) okanye umgcini womfundi (abagcini bomfundi) ngeleta ebhaliweyo ungadlulanga owe-19 Septemba 2003 ukuba umntwana wabo wamkelekile okanye akamkelekanga ukuba eze esikolweni. Xa singaphumelelanga isicelo, umzali (abazali) okanye umgcini womfundi (abagcini bomfundi) bangathi kuselithuba benze isicelo sokwamkelwa kwisikolo sesibini abasikhethayo ngethuba elilandelayo lobhaliso.

1.5 Emva kokuphela kwethuba lesibini lokwamkela abafundi eliqala ngowoku-1 Oktobha 2003 lize livalwe ngowama-31 Oktobha 2003, makulandelwe iinkqubo ezifanayo njengoko zichazwe kuhlathi 1.4, zize iziHlomelo A no-B zingeniswe kwii-EMDC ezichaphazelekayo ungadlulanga owesi-7 Novemba 2003 yaye izikolo mazazise abazali okanye abagcini ngokubabhalela kwangalo mhla zitsho ukuba umntwana wabo akamkelwanga esikolweni.
1.6 Xa abazali okanye abagcini babafundi benze isicelo sokwamkelwa kwabantwana babo kodwa azaphumelela amathuba omabini, abo bazali okanye bagcini babafundi baya kubanethuba ke ngoko lokubabhalisa abantwana babo kwizikolo ezinezithuba. Ngokumalunga noku baya kuncediswa ngamagosa ee-EMDC. Ingcaciso engeniswe kwii-EMDC iya kwenza amagosa ee-EMDC abenako ukulawula ukufakwa kwabafundi ezikolweni ekuthe, phakathi kuNovemba, babe bengekamkelwa sikolweni ukulungiselela unyaka wesikolo olandelayo.
1.7 Ziyacelwa iinqununu zezikolo namabhunga olawulo ezikolo ukuba zilandele ezi nkqubo yaye zingenise ingcaciso efanelekileyo kuMlawuli we-EMDC ngemihla ecaciswe kule setyhula. Oku kuya kwenza uMlawuli asoloko enolwazi ngokuqhubekayo kwi-EMDC yakhe kwaye abe nako ukuyilawula inkqubo yokwamkelwa kwabafundi ngeyona ndlela iyimpumelelo kangangoko kunokwenzeka.

2. Imimandla ekhuphela abantwana kwizikolo ezilandelayo (School feeder zones)

NgokomGaqo-nkqubo woKwamkelwa kwaBafundi kaZwelonke kwiZikolo zikaRhulumente eziQhelekileyo, imimandla ekhuphela abantwana kwizikolo ezilandelayo inokumiselwa kuphela emva kokuba iNtloko yeSebe leMfundo yePhondo ibhungisene nabameli bamabhunga olawulo ezikolo. Oku luxanduva lwephondo nolwenzelwa izigqibo lilo. Kufuneka iinqununu zezikolo ziqaphele ukubaiSebe leMfundo leNtshona Koloni alikenzi zigqibo ngemimandla ekhuphela abantwana kwizikolo ezilandelayo, ngako oko ke, akukho mntwana othintelweyo ukuba afune indawo nakwesiphi na isikolo afuna ukuya kuso. Nakuba kunjalo, makakhuthazwe umzali (abazali) kunye nomfundi (nabafundi) ukuba bafune indawo yokwamkelwa kwizikolo ezikufuphi neendawo abahlala kuzo.


3. Umgaqo-nkqubo wokwamkelwa kwabafundi weBhunga loLawulo leSikolo
3.1 NgokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996), isiqendu 6 (2), amabhunga olawulo ezikolo anokumisela imigaqo-nkqubo ehambisana nemigaqo esemthethweni yomGaqo-siseko, yoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika nemithetho kazwelonke neyephondo. Abafundi bamkelwa esikolweni ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo weso sikolo. Imigaqo-nkqubo yezikolo yokwamkelwa kwabafundi mayinikwe fele-fele kuluntu namagosa esebe.
3.2 Isiqendu 5 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, sicacisa sithi akukho sikolo sinokwala ukubhalisa umfundi ngezizathu zokuba umzali/umgcini wakhe -
  • engenako ukuhlawula iifizi zesikolo ezimiselwe libhunga lolawulo ngokwesiqendu 39;

  • akahambisani nengxelo engomnqophiso wesikolo (mission statement of the school);

  • akahambisani nemigaqo yokuziphatha yabafundi (code of conduct) yesikolo;

  • uyala ukungena kwimvumelwano ekuthi ngayo umzali arhoxise ilungelo lakhe lokufuna nayiphi na intlawulo ngenxa yomonakalo obangelwe yimfundo yomntwana wakhe.

3.3 Akavunyelwanga naphantsi kweyiphi na imeko amaBhunga oLawulo ezikolo ukwenzisa naziphi na iimvavanyo ezinyanzelekileyo njengento efunwa kuqala phambi kokuba amkelwe umfundi esikolweni, ngaphandle kokuba oko kuza kumnceda umfundi ukuba abe nako ukufakwa kwikhosi okanye kwiprogram ethile umz. umdaniso okanye umculo.
3.4 Xa kusamkelwa umfundi esikolweni, loo mfundi wamkelwa ngokupheleleyo kwiprogram yesikolo iphela nakuzo zonke iinkonzo ezenziwa sisikolo.

4. Intlawulo yeefizi
4.1 UMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika awenzanga sibonelelo sentlawulo “yemali yobhaliso okanye idiphozithi” ngabazali okanye ngabagcini babafundi ngexesha lobhaliso.
4.2 Amabhunga olawulo makangaze abize ntlawulo okanye zifizi ngalo naluphi na ubhaliso, ukwamkelwa kwakhona komfundi okanye ngovavanyo phambi kokwamkelwa kwabafundi.
4.3 Intlawulo yazo naziphina iifizi ingacelwa kuphela emva kokuba umfundi evunyiwe waza wamkelwa esikolweni.
4.4 Akukho sicelo solwamkelo masaliwe ngenxa yokuba umzali, umgcini okanye umfundi engenako ukuhlawula ifizi zesikolo zonyaka okanye inxalenye yazo. Isenzo esinjalo siya kuba sesichasene mpela nomthetho.
4.5 Amabhunga olawulo ezikolo makabaxelele abazali ngelungelo labo lokwenza izicelo zokuxolelwa kwintlawulo epheleleyo okanye kwinxenye yentlawulo yeefizi zesikolo ngokungqinelana nesiqendu 40 soMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika. Isikolo masibancedise abazali ngokumalunga noku.
4.6 Asinako konke isikolo ukubamba iziphumo zoviwo, iingxelo zokuphumelela komfundi okanye singamniki iincwadi nezinto zokufunda ngenxa yokuba zingekahlawulwa zonke iifizi. Izenzo ezinjalo zinyhasha ilungelo lokufumana imfundo njengoko kucacisiwe kwiSiqendu 29 somGaqo-siseko weRiphabliki yoMzantsi Afrika.

Iinkqubo zalo vulindlela ezichazwe kwimihlathi 1.3 -1.7 yale setyhula ziyinxenye yokuhlaziywa komgaqo-nkqubo wokulawulwa kokwamkelwa kwabafundi weSebe leMfundo leNtshona Koloni. Zonke izikolo neenqununu ziyakhuthazwa ukuba zithathe inxaxheba kule nkqubo enguvulindlela ukwenzela ukujonga ukuba iza kuba yimpumelelo enkulu kangakanani.

Okubhalwe kule setyhula makuthathelwe ingqalelo ngabo bonke abachaphazelekayo.



ISAYINWE: R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:18

IsiHlomelo A: (Number of vacancies in each grade and per medium of instruction)  (ubukhulu: 7 KB)
IsiHlomelo B  (ubukhulu: 6 KB)