1. Ngenxa yeSetyhula 0095/2003 yowe-16 Apreli 2003, ngokwenjenje uyaziswa ukuba umhla wokuvala ukwamkelwa kwezicelo zephakheji yokuqhawulwa kwenkonzo njengoko ucaciswe kumhlathi 3 wale setyhula esele ikhankanywe apha ngaphambili, uhlehlisiwe ukuba ube ngowama-25 Juni 2003.
2. Ngokumalunga nomhla wokuphuma enkonzweni, o.k.t. olona suku lokugqibela lokuba semsebenzini, kunyanzelekile ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni linike abaqeshwa isaziso senyanga sokupheliswa kwenkonzo. Ngenxa yoku abaqeshwa abazicelo zabo zivunyiweyo baya kuyishiya inkonzo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ngowoku-1 Agasti 2003.
3. Abaqeshwa abanqwenela ukushiya inkonzo ukuphela kukaJuni 2003 banokungenisa izicelo ezibhaliweyo zoku, kodwa kuya kufuneka basayine imvumelwano yokuba abasayi kuthi liSebe leMfundo leNtshona Koloni elingunobangela ukuba iimali zabo zomhlalaphantsi azikhawulezanga zifike phakathi kuSeptemba 2003.
4. Nceda wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolwawulo lwakho kunye namalungu amabhunga olawulo ezikolo okubhalwe kule setyhula.


ISAYINWE: NGU- J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:18