1. ISebe leMfundo kuZwelonke liqeshe u-Stats-SA ukuba enze uphando lokutshekisha kwizwelonke ukuba ngaba kunako na kwinkqubo yemfundo ukuqaliswa imfundo ejolise kwiziphumo kwisiGaba seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (FET Band). Imihlaba eza kunyathelwa lolu phando ibandakanya ukutshekishwa kwamabanga emfundo aphunyelelewe ngootitshala nokulungela kwabo ukuqalisa le nkqubo, uvavanyo lwamancedo ezinto nezixhobo zokufundisa kunye nophando lokuqondisisa ukulungela kwee-ofisi zamaphondo nezezithili ukuqalisa le nkqubo kwesi sigaba.
2. Ezi khweshine ziya kunikwa izikolo zivela ngqo ePitoli ukuqala kwekota yesithathu.
3. Umhla ocetywayo wokungeniswa kweefom esezizaliswe zonke iinkcukacha ngowe-15 Agasti 2003. Ii-EMDC ziya kuqhagamshelana nezikolo zazo ukwenza amalungiselelo okubuyiswa kweefom esezizaliswe zonke iinkcukacha nokunika nayiphi na inkxaso efunekayo ngokumalunga nokuzaliswa ngokuchanekileyo kweefom.
4. Zibaluleke gqitha iinkcukacha ezichanekileyo ukulungiselela ukucwangcisa nokubhajetha ngendlela eyiyo. Njengoko olu phando lubaluleke kangaka, kubongozwa isikolo ngasinye ukuba sizalise iifom ezifunwayo ngocoselelo olukhulu size sizingenise kwangexesha.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:19