1.1 |
|
Abafundi abavela eNtshona Koloni baphuma phambili kuwo onke amacandelo kuKhuphiswano lweLifa leMveli Yethu. |
1.2 |
|
Ibhaso elifunyenwe ngabaphumeleleyo kuzwelonke ibe luhambo oluya eKapa kwiMibhiyozo yoSuku lweNkululeko ka-2003, olwaluququzelelwa liSebe leMfundo likaZwelonke. Abaphumeleleyo baye bathatha inxaxheba koomasifundisane bamaqela (interactive workshop sessions), ababebandakanya uqeqesho lweenkokeli, uhambo oluya eRobben Island, uqeqesho kwizakhono zobuxhaka-xhaka bekhompyutha, kunye nenkomfa ye-intanethi eyayiqhutywa kudityenwe nabafundi abaphuma ePalestina nakuMntla Ireland. |
2. |
IINTSUKU ZOKUVALWA KWEZICELO ZEPHONDO |
2.1 |
|
Iifom zokungenela ukhuphiswano namaphetshana eempendulo okhuphiswano luka-2003 (Imveli iyathetha) afumaneka kwincwadana yesikhokelo yeSebe leMfundo likaZwelonke, ethi, Celebrating Our Heritage), eyaye yathunyelwa ezikolweni ebutsheni balo nyaka. Le ncwadana icacisa malunga namacandelo ngamacandelo ize kananjalo inike ootitshala iinkcukacha malunga nolu khuphiswano. |
2.2 |
|
Amalungiselelo okhuphiswano lwephondo leNtshona Koloni aququzelelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Nceda uqaphele ukuba lo gama amaphetshana eempendulo akwincwadana yeSebe leMfundo likaZwelonke abonisa umhla wokuphelelwa we-11 Aprili 2003, zona izikolo akufuneki zicinge ukuba ngoku selidlulile ixesha lokuthatha inxaxheba kukhuphiswano. Umhla wokugqibela wokungena kwezicelo zokhuphiswano ngowama-24 Julayi 2003. |
2.3 |
|
ISebe leMfundo leNtshona Koloni linqwenela ukukhuthaza izikolo ezininzi kangangoko linako ukuba zingenele ukhuphiswano lwalo nyaka ngenxa yobaluleko nokuphangalala kwamava abalulekileyo aya kuzuzwa ngokuthi kubhiyozelwe ilifa lemveli yethu. |
2.4 |
|
Izikolo mazaziswe ukuba abafundi abali-10 abachongwe njengabaphumeleleyo kuzwelonke kuKhuphiswano lweLifa leMveli Yethu baya kumenywa ukuba bandwendwele kwilizwe laseMali njengenxenye yebhaso labo. |
3.1 |
|
Abaququzeleli bokhuphiswano lwelifa lemveli yethu abadweliswe ngezantsi banoxanduva lokujongana nolu khuphiswano kumanqanaba ee-EMDC baze banxibelelane noNdlunkulu:
North: Adinda Vermaak
South Cape-Karoo: Roselle Smith
Central: Valdi van Reenen
West Coast-Winelands: Naomi Meyer
South: Spencer Janari
East: Andrew Isaacs
Breede River-Overberg: Michael Willemse |
3.2 |
|
Ukhuphiswano lwee-EMDC luya kuqhubeka phakathi kowama-27 Julayi nowoku-1 Agasti 2003. Izikolo ezithatha inxaxheba ziya kwaziswa kwangethuba ukuze kwenziwe amalungiselelo angawo. |
3.3 |
|
Imigaqo eya kusetyenziswa ngabagwebi kumacandelo amane awohlukeneyo ancanyathiselwe. (Jonga isiHlomelo A). Le migaqo iya kubekwa kananjalo kwiZiko leWebhu leKharityhulam leSebe leMfundo leNtshona Koloni. |
3.4 |
|
Ii-EMDC ziya kutyumba abagwebi abanobuchwephese kumacandelo ngamacandelo ukuba babe ngabagwebi kumangenelo okhuphiswano lwee-EMDC. |
3.5 |
|
Abaququzeleli bee-EMDC belifa lemveli yethu baya kuqinisekisa ukuba wonke umsebenzi ongenisiweyo wee-EMDC kwanokhuphiswano oluqhutywa ngokwamaphondo luphinda lubuyiselwe kubathathi-nxaxheba. |
3.6 |
|
Isigqibo somgwebi we-EMDC sesigqibelayo. |
4. |
IINDAWO EKUYA KUQHUTYELWA KUZO UKHUPHISWANO |
4.1 |
|
Umququzeleli we-EMDC uya kwenza amalungiselelo endawo okanye iindawo ezifanelekileyo apho amangenelo amacandelo amane apho kuya kwenzelwa khona ugwebo ngabagwebi bolu khuphiswano. |
5. |
INKQUBO YOGWEBO: UKHUPHISWANO LWEPHONDO LWELIFA LEMVELI YETHU |
5.1 |
|
Inkqubo yogwebo yokhuphiswano lwephondo iya kuqhubeka phakathi komhla we-11 nowe-15 Agasti. |
5.2 |
|
Isigqibo sekomiti yephondo yabagwebi beSebe leMfundo leNtshona Koloni sesigqibelayo. |
ISAYINWE: P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:05
|