1. IVeki yoTyalo lweMithi (Arbour Week), iya kuqhuba ukususela kumhla woku-1 - 7 Septemba 2003.
2. Umxholo weVeki yoTyalo lweMithi uthi "IMITHI LILIFA LEMVELI YETHU" (“TREES ARE OUR HERITAGE”).
3. IVeki yoTyalo lweMithi (Arbor Week) inika amathuba amaninzi okuqalisa iNgcaciso yeKharityhulam eHlaziyiweyo kaZwelonke (Revised National Curriculum Statement (RCNS). Zonke iinkalo zezifundo zinokunxityelelaniswa nomxholo.
4. Ngenxa yokuba iNtshona Koloni iyindawo ekunetha kuyo iimvula zobusika, iVeki yoTyalo lweMithi asiloxesha lifanelekileyo lokutyala imithi. Izikolo zinako ngoko ke ukusebenzisa iVeki yoTyalo lweMithi ekuqaqambiseni nasekubhiyozeleni imithi eseyityaliwe.
5. Imithi emibini yonyaka ngumhlolokotshane omkhulu okanye umhlakothi (Rhus chirindensis (Red Currant) nomkhazi (Pterocarpus angolensis (Wild Teak). Phakathi kwale mithi, kuphela ngumhlolokotshane omkhulu (Rhus) okhula kakuhle apha eNtshona Koloni yaye ngoko ke ayikhuthazwa into yokuba izikolo zityale umkhanzi njengenxenye yenkqubo yokutyala izihluma zendalo. Imithi nezihlahla mazisoloko zichongelwa loo ndawo nemozulu ezifaneleyo.
6. ISebe leMicimbi yaManzi namaHlathi (The Department for Water Affairs and Forestry (DWAF) liya kuthi kwakhona libonelele izikolo ngemithi ukulungiselela iVeki yoTyalo lweMithi. Ukuthintela amanani aphakamileyo emithi ethi ife ngenxa yokusilela kwenkathalo kwanokukhuthaza uxanduva kwinqanaba lasezikolweni, le mimiselo ilandelayo iya kusetyenziswa kunyaka ka-2003.
6.1 Izikolo kufuneka zenze izicelo ezibhaliweyo eziya kwi-DWAF ukuze zifumane imithi. Ifom yokwenza isicelo seyincanyathiselwe.
6.2 Izikolo kufuneka zivakalise uhlobo oluthile lokuzibophelela ekuthini zigcine imithi inkcenkceshelwa yaye iphilile.
6.3 Izikolo kufuneka zibonise indlela ezizama ngayo ukunxibelelanisa iVeko yoTyalo lweMithi kunye ne-RCNS.
6.4 Izikolo ezizicelo zazo zika-2002 zingazange zifumane kuqwalaselwa kwangexesha, ezo ziya kunikwa ingqwalasela ephambili.
7. Inani lemithi esinokuthi isikolo ngasinye senze isicelo sayo liphakathi ko-1 ukuya kwisi-5. Ukuba kufuneka engaphezulu makwenziwe uzathuzo oluvokothekileyo lokuba kutheni kufuneka songeziwe isibonelelo semithi. Zonke izicelo ziya kuqwalaselwa ngokokulunga (merit) kwazo nakubukho bemithi leyo.
8. Iifom ezizalisiweyo mazithunyelwe ku:
Mr Siya Kobese
DWAF
Private Bag X16
Sanlamhof
7532					
okanye ufeksele ku:	(021) 950 7277
9. Umhla wokugqibela wokubuyiselwa kweefom kwi-DWAF ngowama-31 Julayi 2003. Izicelo ezifunyenwe emva kwalo mhla ziya kuqwalaselwa kuphela kunyaka ozayo.
10. Izikolo ziya kwaziswa malunga nempumelelo yezicelo zazo, indawo nexesha emaziyiqokelele ngayo imithi.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:05

Tree application form  (ubukhulu: 23 KB)