1. Ebutsheni balo nyaka, iSebe leMfundo leNtshona Koloni laye lasungula isiCwangciso seMathematika, iSayensi neThekhinoloji ukuphendula kwinquleqhu yeSebe leMfundo likazwelonke lokuphucula ulwazi malunga nezibalo, ezobunzululwazi nethekhinoloji kubafundi baseMzantsi Afrika.
2. Kwiinzame zokunika inkxaso kwezi zicwangciso zozibini, nasekwazisweni kwiNgcaciso eHlaziyiweyo yeKharityhulam kaZwelonke (Revised National Curriculum Statement (RNCS), iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kubonelela zonke izikolo ezineBakala 3 ngeencwadi ezimiselweyo zeMathematika kwiBakala 3 kumfundi ngamnye.
3. IsiHlomelo A luluhlu lweencwadi ezimiselweyo zeMathematika kwiBakala 3, ezihamba nokuzikhethela ulwimi onokuthanda ukuba uzifunde ngalo, eziye zachongwa sisiGaba sesiSeko naziingcali zezibalo njengezixhasa i-RNCS. Kucetyiswa ngamandla ukuba iincwadi ezimiselweyo mazi-odolwe ngeelwimi zabafundi zasekhaya kwimeko apho isikolo sinomgaqo-nkqubo kwisiGaba sesiSeko.
4. IsiHlomelo B yifom yokwenza isicelo ekufuneka izaliswe zizikolo ize ibe nokubuyiselwa ngomhla wama-26 Juni 2003. ISetyhula 0044/2002 ibhekiselela kwincwadana yeSebe leMfundo leNtshona Koloni ethi "UCHONGO: IZIKHOKELO ZEENKALO ZEZIFUNDO/ZEESABJEKTHI ". Amakhasi e-18 nele-19 olu xwebhu anika imimiselo emayilandelwe yokukhetha ezona ncwadi zifanelekileyo zemathematika.
5. Eyona njongo iphambili kukunikezela ezi ncwadi phambi kokuba kuphele u-2003. Nceda ubhale incwadi yesibini neyesithathu oyikhethayo kwiincwadi ezimiselweyo. Imiba enjengeendleko zizonke eziya kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni nokufumaneka kwencwadi nganye ngokwesihloko sayo inokuthetha ukuba ukhetho lwesibini okanye lwesithathu luya kufumaneka.
6. Nceda uzalise le fom incanyathiselweyo (isiHlomelo B) uze uyibuyisele kwi: Directorate: Logistical Services, SPECIAL PROJECT GRADE 3 MATHEMATICS TEXTBOOKS, Private Bag X9114, CAPE TOWN, 8001 ngomhla wama-26 Juni 2003.
7. Iikopi zeencwadi ezimiselweyo ziya kufumaneka kwi-EMDC yakho ukwenzela ukuba ube nokuzibuka. Aba baququzeleli beziXhobo neziBonelelo zokuFunda abakwii-EMDC baya kujongana nale nkqubo:
Central:                  Mr T. O’Conner          021 659 4300
East:                     Ms G. Stander           021 900 7000
North:                    Ms J. Caroto            021 948 0950
South:                    Ms N. Mngxuma           021 370 2000
Breede River/Overberg: 	  Ms S. Greyling          023 348 4600
Southern Cape/Karoo:      Mr S. Webber            044 873 6128
West Coast/Winelands:     Ms I. Heiberg           021 860 1200
8. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyavuya kukuba nako ukwenza eli galelo kuphuhliso lolwazi lwezibalo kwiphondo yaye liyathemba ukuba izikolo ziya kulixhamla eli thuba ngokuqinisekisa ngochongo olukhatshwa lunonophelo nokusetyenziswa ngomdla kweencwadi ezimiselweyo kunyaka omtsha.


ISAYINWE: P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:02

IsiHlomelo A (Appendix A)  (ubukhulu: 9 KB)
IsiHlomelo B (Appendix B)  (ubukhulu: 13 KB)