1. Eli sebe lifumanise ukuba iqela elikhulu labaphathi bamacandelo (kubandakanywa neentloko zamaziko emfundo) khange liqalise ngokwenza inkcazo yemisebenzi yabasebenzi benkonzo karhulumente abaphantsi kolawulo lwabo (khangela kwiSetyhula 82/2002 yowesi-8 Julayi 2002).
2. Ngenxa yokungasatyelwa kakuhle ngabaphathi kwesicelo sokungeniswa kweziqinisekiso zokugqitywa komsebenzi (IsiHlomelo A seSetyhula 82/2002) nasemva kokuba kuthathelwe ingqalelo efanelekileyo izizathu ezimbalwa ezivakalayo zokungenziwa kobekuceliwe esizifumeneyo, kuye kwagqitywa ekubeni uhlehliswe umhla wokungeniswa kweziziqinisekiso uye kutsho kowama-27 Juni 2003.
3. Ngenxa yemibuzo nezimvo ezivele kubathathi-nxaxheba, kubandakanywa nemibutho yabasebenzi, kucacile ukuba abanye abasebenzi abachazelwanga kakuhle intsingiselo equlathwe yile nkcazo yemsebenzi.
4. Siyaphinda ukuthi nakuba iluxanduva lwabaphathi babasebenzi (line managers) ukwenza inkcazo yemisebenzi, mabakwenze oku ngokubonisana nabasebenzi abaphantsi kwabo. Ngako oko ke kufuneka abaphathi babasebenzi baqinisekise ukuba abasebenzi abaphantsi kwabo banolwazi ngeenkqubo ezichaphazela inkcazo yemisebenzi.
5. Isasebenza i-ofisi yoncedo, apho unokubuza imibuzo uze uphendulwe, eyasekwa ekuqaleni kwale nkqubo liSebe leMfundo leNtshona Koloni yaye kubongozwa onke amagosa ukuba ancede afunde okubhalwe kwisikhokelo senkcazo yemisebenzi yabasebenzi benkonzo karhulumente. Okuqhotyoshelwe apha sisihlomelo B "Imibuzo ebuzwa qho...", nesizama ukuphendula eminye yemibuzo eye yabhalwa. Nakuba kunjalo, mayikhankanywe into yokuba iimpendulo azithathelanga ngqalelo iimeko ezizodwa ezinokubakho kumaziko emfundo athile. Ekubeni kuthathelwe ingqalelo efanelekileyo yokunqongophala kwemali nezinye iingxaki, imfuneko yokunikwa kwabantu inkxaso/ingcebiso ngabasebenzi beli Candelo: EzoLawulo lwaBasebenzi (beNkonzo kaRhulumente ) iya kwenziwa akuba umntu enze isicelo.
6. Iziqinisekiso ezigqityiweyo (Isihlomelo A) mazithunyelwe kwigosa lenkcazo yemisebenzi uMnu E. Gierdien ngomhla okanye phambi komhla wama-27 Juni 2003. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linethemba lokuba niya kuzama nonke ukwenza ezi nkcazo zemisebenzi okanye ukuhlaziya ezo sele zenziwe zabo bonke abasebenzi benkonzo karhulumente.
7. IiNtloko zamaZiko okanye aBalawuli mababhale bangqine ukuba zonke iinkcazo zemisebenzi kumaziko abo okanye kumacandelo abo zenziwe ngokungqinelana nendlela emiselweyo nevunyiweyo.
8. Nceda wazise bonke abasebenzi abaphantsi kolawulo lwakho okubhalwe kule setyhula.
9. Imibuzo malunga nokubhalwe kule setyhula mayibhekiswe kula magosa alandelayo:
Nkosk : L.P. Bovana          Tel. 021 467 2471       
Nkosk : G.M. Malan           Tel. 021 467 2155
Mnu   : E. Gierdien          Tel. 021-467-2157


ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:28

Isihlomelo A: Isiqinisekiso sokugqitywa komsebenzi  (ubukhulu: 11 KB)
Isihlomelo B: Imibuzo ebuzwa qho  (ubukhulu: 24 KB)