1. Ithuba lokuba sezikhundleni lawo onke amabhunga olawulo ezikolo zikarhulumente onyulwa okanye asekwa ngo-2000 ngokwemiGqaliselo ephathelele kumaBhunga oLawulo eZikolo zikaRhulumente neyapapashwa ngokoMthetho weZikolo waseMzantsi Afrika, 1996 (uMthetho 84/1996), njengoko ufakelwe izilungiso, liya kuphela ebudeni bonyaka ka-2003.
2. Ithuba lokuba sesikhundleni kwebhunga lolawulo lesikolo yiminyaka emithathu, ukususela kumhla wentlanganiso yokuqala yebhunga lolawulo emva kokuba lonyulwe.
3. Unyulo lwamabhunga olawulo amatsha kufuneka, okungcono lube selugqitywe ubuncinane kwiintsuku ezingama-30 phambi kokuba ithuba lokuba sesikhundleni kwawo onke lawo asesikhundleni ngoku liphele, injongo yoku ikukulungiselela ukuba lithi liphela ithuba lokuba sesikhundleni kwebhunga elidala libe selikho ibhunga elitsha. Oku kuya kuya kunika amabhunga olawulo amatsha ithuba lokuba afunde umsebenzi ukuze afumane ulwazi nobungcali obuyimfuneko kulo mabhunga ashiya izikhundla zawo oko kusenzeka ngaphandle kwamagingxi-gingxi.
4. Amagosa onyulo ayacelwa ukuba asebenzisane neenqununu enze onke amalungiselelo nemisebenzi yezolawulo, ezinjengokuthumela izaziso ebazalini, ukulungisa iholo ekuza kuvotelwa kulo, ukwenza izibonelelo zokufotokopa, njl njl, kwangexesha ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba unyulo luqhutywa ngempumelelo. Inkcitho ngonyulo kufuneka isingathwe luhlahlo lwabiwo-mali lwesikolo. Imibuzo emalunga nonyulo lwamabhunga olawulo mayibhekiswe kubalawuli bee-EMDC. Kukho umnconwanana wemali ofumanekayo ukuncedisa uluntu oluhlwempuzekileyo ukuba lube nokujongana neendleko zokuthutha abantu basiwe kwiindawo ekuza kuvotelwa kuzo. Izicelo malunga nalo mba zingangeniswa kwi-EMDC ejongene noko ukuze zinikwe ingqwalasela.


ISAYINWE: NGU-J.H. LYNERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:11