1. Kuqhotyoshelwe apha uluhlu lweesetyhula ezikhutshwe liSebe leMfundo leNtshona Koloni zale kota yokuqala.
2. Iisetyhula mazifakwe efayilini ngalo lonke ixesha zisasebenza ngokusemthethweni.
3. Uyakhunjuzwa ukuba ukususela kowoku-1 Apreli 2003, iisetyhula ziya kuthunyelwa kuphela ngefomathi ye-imeyili. Ukuba iisetyhula zinezihlomelo ezingenako ukuthunyela nge-imeyili, ziya kwenziwa zifumaneke iikopi ezingamaphepha. Izikolo ezingekabinawo amalungiselelo e-imeyili zisaza kuqhubeka zifumana iikopi zeesetyhula ezingamaphepha. Zibalulekile iisetyhula ekusebenzeni ngempumelelo nangendlela eyiyo kweli Sebe leMfundo yaye mabazi ootitshala namagosa ukuba kunyanzelekile ke ngoko ukuba bazithathele ingqalelo.
4. Ziyacelwa izikolo namagosa ukuba zincede zitshekishe mihla le i-imeyili yazo ukuze zihlale zinolwazi lwakutsha nje ngokuqulathwe kuzo zonke iisetyhula. Liza kutshekisha iSebe leMfundo ukuba ngaba zivuliwe na iisetyhula ezithunyelwe ezikolweni. Ziyacetyiswa izikolo namagosa ukuba zenze ifolda kwiikhompyutha zazo ukwenzela ukugcina ezi setyhula. Oku kuya kwenza izikolo namagosa ukuba zitshekishe ukuba ngaba ziziqaphele zonke na iisetyhula ezizichaphazelayo. Zikwafumaneka iisetyhula zika-2003 kule webhu yeSebe leMfundo leNtshona Koloni: http://wced.wcape.gov.za/circulars/index_circulars.html.
5. Nceda ukwazise okubhalwe kule setyhula bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.
6. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-A.J. VAN NIEKERK
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:23

List of Circulars: First quarter 2003  (ubukhulu: 23 KB)