1. Ngo-2003 iSebe leMfundo leNtshona Koloni liqalise isiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala ukuphendula iingxelo zamanqanaba asezantsi olwazi lokufunda, ukubhala nokuqonda okubhaliweyo.
2. Ukuxhasa esi sicwangciso, yaye nokuxhasa ukuqaliswa kweNkcazo yeKharityhulam yeSizwe eHlaziyiweyo, eli Sebe leMfundo liza kubonelela zonke izikolo ezineeklasi zesiGaba sesiSeko ngeencwadi zokufunda ezilikhulu igumbi lokufundisela ngalinye.
3. Ngokwale setyhula, iSebe leMfundo leNtshona Koloni linika izikolo ithuba lokukhetha iiseti zeencwadi ezili-100 esele zikhethelwe zona - iseti enye kwiklasi nganye yesiGaba sesiSeko kwizikolo ezo.
4. Iingcali zesiGaba sesiSeko nezokufunda sezizikhethile zaza zazihlela iiseti zeencwadi ukulungiselela le projekthi.
4.1 Ezi ncwadi zikhuthaza ukuthethwa kweelwimi ezininzi yaye zinika iindlela nezakhono zokufunda ezininzi zebakala liphela kumabakala ngamabakala.
4.2 ISebe leMfundo leNtshona Koloni liyazi ukuba kukho umahluko kwizikolo ngokumalunga neemeko eziqhubekayo yaye sezineentlobo ngeentlobo zeencwadi zokufunda zesiGaba sesiSeko. Ngenxa yesi sizathu, akukho luhlu okanye pasile yeencwadi iya kulungela twatse iimfuno zesikolo ngasinye. Nakuba kunjalo siyathemba ukuba izikolo ziya kukhetha iipasile ezizezona ziwafanele kakhulu amanqanaba olwazi lwabafundi neeprogram zophuhliso lolwazi lokufunda.
4.3 Kukho iiseti zeencwadi ezili-19. Nganye iseti ineencwadi ezili-100 ezikhethiweyo zoluhlu olumiselwe ukuba lulungele abafundi abakumanqanaba athile olwazi lokufunda. Izikolo zinganqwenela mhlawumbi ukukhetha iqela leeseti ezahlukeneyo ukwenzela ukuba zibe nokutshintshanisa iincwadi phakathi kweeklasi ukunika ithuba lokuba kufunyanwe ezona ntlobo zininzi nekunokukhethwa kuzo.
4.4 Ezi seti zimi ngolu hlobo:
4.4.1 IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.1 kuyue E.7
4.4.2 IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.1 kuye A.7
4.4.3 IsiHlomelo C: Ikakhulu ekusisiXhosa uLwimi lwaseKhaya: Iiseti X.1 kuye X.5
4.5 Ziyacetyiswa izikolo ukuba zikhethe iiseti ezixhasa umgaqo-nkqubo weelwimi wePhondo leNtshona Koloni, oko kuthi, ukufundiswa ngolwimi lwasekhaya kwisiGaba sesiSeko.
5. Kujongwe ukuba zikhutshwe ezi ncwadi phambi kokuphela kuka-2003. Kwimeko apho zingafumanekiyo naziphi na ezinye zezi ncwadi ngala maxesha anikiweyo, kungafakwa ezinye iseti ezikwafana nazo kwiseti leyo.
6. Nceda zalisa ifom eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo D) ube sele uyibuyisela kweli Candelo: Logistical Services, SPECIAL PROJECT READING BOOKS, Private Bag X9114, CAPE TOWN, 8000 ungadlulanga owama-22 Juni 2003.
7. Xa ufuna ingcebiso engaphezulu qhagamshelana nomququzeleli woLwazi lokuFunda nokuBhala ochaphazelekayo:
Central:                  Mnu G Davids          021 659 4000
East:                     Nks K Mabandla        021 900 7000
North:                    Nks J Caroto          021 930 2100
South:                    Nks J Leukes          021 370 2000
                          Nks C Nissen          021 782 6102 
                          Nks M Kwinana         021 372 2770 
Breede River/Overberg:    Nks M Siddle          023 342 8993
Southern Cape/Karoo:      Nks C du Plessis      083 278 5043 
West Coast/Winelands:     Nks J Baadjies        021 860 1212
                          Nks F Lawrence        021 860 1200
8. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo ukuba libe nako ukwenza igalelo kuphuhliso lolwazi lokufunda kweli phondo yaye linethemba lokuba izikolo ziya kulixhamla eli thuba ngokupheleleyo ngokuthi ziqinisekise ukukhetha ngenyameko yaye zizisebenzise ngolangazelelo iincwadi ezo kulo nyaka mtsha uzayo.


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:22


IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.1  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.2  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.3  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.4  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.5  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.6  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo A: Ikakhulu ekusisi-Afrikansi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti A.7  (ubukhulu: 19 KB)

IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.1  (ubukhulu: 22 KB)
IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.2  (ubukhulu: 23 KB)
IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.3  (ubukhulu: 22 KB)
IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.4  (ubukhulu: 22 KB)
IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.5  (ubukhulu: 22 KB)
IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.6  (ubukhulu: 22 KB)
IsiHlomelo B: Ikakhulu ekusisiNgesi uLwimi lwaseKhaya: Iiseti E.7  (ubukhulu: 22 KB)

IsiHlomelo C: Ikakhulu ekusisiXhosa uLwimi lwaseKhaya: Iiseti X.1  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo C: Ikakhulu ekusisiXhosa uLwimi lwaseKhaya: Iiseti X.2  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo C: Ikakhulu ekusisiXhosa uLwimi lwaseKhaya: Iiseti X.3  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo C: Ikakhulu ekusisiXhosa uLwimi lwaseKhaya: Iiseti X.4  (ubukhulu: 19 KB)
IsiHlomelo C: Ikakhulu ekusisiXhosa uLwimi lwaseKhaya: Iiseti X.5  (ubukhulu: 19 KB)

IsiHlomelo D: Nceda zalisa ifom eqhotyoshelweyo (ubukhulu: 11 KB)