AmaBhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala anika ithuba abo bakwinkonzo yobutitshala lokuvuyela impumelelo yootitshala abamsebenzi wabo uqaqambileyo. Ukongeza koku, kukwabonisa umsebenzi omhle ngokukodwa owenziwa ngabo bonke ootitshala. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo lokuba liza kuququzelela ukunikezelwa kwamaBhaso kaZwelonke okuWonga ooTitshala kweli phondo yaye liyazixhasa ngokupheleleyo iinjongo ezinxulumene nale nkqubo.
Ngokuncoma umsebenzi oqaqambileyo nokuphakama komgangatho wokufundisa, kwenzelwa ukuba bonke ootitshala bayazi imilinganiselo ebekiweyo yendlela yokufundisa engumzekelo.
Amacandelo ngamacandelo amabhaso okuwonga ngala alandelayo:
ICANDELO: LOKUGQWESA KUPHUHLISO LWEMFUNDO YOMNTWANA OSELULA
ICANDELO: LOKUGQWESA KWIMFUNDO YASEPRAYIMARI
ICANDELO: LOKUGQWESA KWIMFUNDO YASESEKONDARI
ICANDELO: LOKUGQWESA KWEZOBUNKOKELI KWINQANABA LASEPRAYIMARI
ICANDELO: LOKUGQWESA KWEZOBUNKOKELI KWINQANABA LASESEKONDARI
ICANDELO: LOKUGQWESA EKUFUNDISENI NGEEMFUNO EZIZODWA ZABAFUNDI
ICANDELO: LEBHASO LOKUWONGA OZUZILEYO EBOMINI BAKHE
Bavumelekile bonke ootitshala ukuba bathathe inxaxheba kule nkqubo yaye batyumbe abo babakhethayo baze badlulise loo magama kwiinqununu zabo eziya kuthi ke zona ziwangenise kumaZiko oLawulo noPhuhliso lweMfundo (EMDCs) achaphazelekayo. Imilinganiselo nemo yoxwebhu lwabatyunjwa seyithunyelwe ezikolweni.
Ndinqwenela ukusebenzisa eli thuba ukuba ndikhuthaze ukwaziwa kwesi siganeko.
Uyacelwa ukuba uncede wazise bonke ootitshala besikolo sakho okukule setyhula..
ISAYINWE: NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:05:15
|