1. INTSHAYELELO
1.1 Njengoko iBakala 9 libonisa ukuphela kweCandelo leMfundo noQeqesho Jikelele (General Education and Training Band), kwesi sigaba kusebenza inkqubo yokupasa kwabafundi.
1.2 Kwinkalo nganye yesifundo ama-75% amanqaku okupasa aza kuthathwa kuvavanyo lwabafundi olwenziwa ezikolweni (uvavanyo oluthe rhoqo - continuous assessment) aze ama-25% amanqaku athathwe kuvavanyo lwangaphandle (abe yimisebenzi efanayo emiselwe uvavanyo lwabafundi).
1.3 Bonke abafundi beBakala 9 abakwizikolo zonke zephondo kuya kufuneka benziswe iimvavanyo zemisebenzi efanayo yabafundi kazwelonke kuzo zonke iinkalo zezifundo.
1.4 Ukuba izikolo ze-LSEN zifumana ubunzima ekuqhubeni ii-CTA, mazincede iinqununu ziqhagamshelane noMlawuli: WezoPhuhliso lweKharityhulam kwezi nombolo (021) 467-2622 (ifoni) okanye (021) 467-2620 (ifeksi).
1.5 Izikolo ziza kufumana imiSebenzi esetwe nguzwelonke eMiselwe uVavanyo oluFanayo lwaBafundi kwiBakala 9 kuzo zonke iinkalo zezifundo ezisibhozo ngexesha lekota yesithathu ka-2003.
2. ISICWANGCISO SAMAXESHA
2.1 ICandelo A lee-CTA (imisebenzi yamalungiselelo) inokwenzelwa ezikolweni ukususela kumhla wesi-6 Oktobha ukuya kowesi-7 Novemba 2003 ngelokulungiselela iCandelo B. Njengoko iCandelo A lee-CTA liyinxenye yenkqubo yokufunda nokufundisa, isikolo masiqhubeke sisebenze ngokwesiqhelo ngeli xesha.
2.2 Esi sicwangciso silandelayo sisikhokelo sexesha ekufuneka lichithwe kwiCandelo A lee-CTA ngokweenkalo ngeenkalo zezifundo.

INKALO YESIFUNDO IXESHA ELIQIKELELWAYO
IiLwimi, uLwazi lokuFunda nokuBhala nezoNxibelelwano:
ULwimi lwaseKhaya lwesi-Afrikansi
ULwimi oloNgezelelweyo lwesi-Afrikansi
ULwimi lwaseKhaya lwesiNgesi
ULwimi oloNgezelelweyo lwesiNgesi
ULwimi lwaseKhaya lwesiSuthu
ULwimi lwaseKhaya lwesiTswana
ULwimi lwaseKhaya lwesiXhosa
ULwimi oloNgezelelweyo lwesiXhosa
EzobuGcisa neNkcubeko
EzoQoqosho neeSayensi zoLawulo
IziFundo ngoBomi
ULwazi lweMathematika, iMathematika neeSayensi zeMathematika
IiSayensi zezeNdalo
IiSayensi zezeNtlalo
IThekhinoloji

Iiyure 5
Iiyure 4
Iiyure 5
Iiyure 4
Iiyure 5
Iiyure 5
Iiyure 5
Iiyure 5
Iiyure 4
Iiyure 4
Iiyure 4
Iiyure 5

Iiyure 5
Iiyure 4
Iiyure 4
2.3 Oku kungasentla kubonisa ixesha eliqikelelwayo eliya kuthathwa ngumfundi weBakala 9 ukugqiba imisebenzi yeCandelo A. Nakuba kunjalo, iCandelo A malingathathwa njengovavanyo olusikelwe ixesha.
2.4 ICandelo B lee-CTA (imisebenzi ngaminye eyenziwa kwiimeko eziphantsi kolawulo) kufuneka liqhutywe ngokwesicwangciso samaxesha sikazwelonke esiqhotyoshelweyo ukususela kumhla we-10 Novemba kuye kowama-21 Novemba 2003.
2.5 Ii-CTA ziya kuqhutywa zize zivavanywe kwinqanaba lesikolo. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba sesilungile isicwangciso solawulo sokwenziwa kovavanyo lwee-CTA kwizikolo zazo.
3. IZINTO NGOKUBANZI
3.1 Nceda wazise okubhalwe kule setyhula bonke abo bachaphazelekayo, kubandakanywa ootitshala, abazali nabafundi ngenjongo yokuba bakuthathele ingqalelo.
3.2 Imibuzo ngokubhalwe kule setyhula inokubhekiswa kuBalawuli bee-EMDC nakuBacebisi aBakhulu bezeKharityhulam.


ISAYINWE:NGU-R.B. SWARTZ
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2003:06:05

 

ISICWANGCISO SAMAXESHA SECANDELO B SEMISEBENZI EFANAYO EMISELWE UVAVANYO LWABAFUNDI YEBAKALA 9: 2003
UMHLAIXESHAINKALO YESIFUNDO
Mvulo
10/11/03


Lwesibini
11/11/03

Lwesithathu
12/11/03

Lwesine
13/11/03

Lwesihlanu
14/11/03

Mvulo
17/11/03

Lwesibini
18/11/03

Lwesithathu
19/11/03

Lwesine
20/11/03

Lwesihlanu
21/11/03

09:00 - 11:00
12:00 - 14:00


09:00 - 11:00


09:00 - 11:00
12:00 - 14:00

Use official school time

09:00 - 11:00


09:00 - 11:00


09:00 - 11:00


09:00 - 11:00


09:00 - 11:00


09:00 - 11:00
ULwimi lwaseKhaya
ULwimi lwaseKhaya (kwiimeko apho kufundiswa iilwimi zaseKhaya EZIMBINI)

ULwazi lweMathematika, iMathematika neeSayensi zeMathematika

IiLwimi zokuQala ezoNgezelelweyo IiLwimi zesiBini ezoNgezelelweyo

Sebenzisa ixesha lesikolo elimiselweyo USuku lokuZifundela


IiSayensi zezeNdalo


IiSayensi zoQoqosho nezoLawulo


IiSayensi zezeNtlalo


ULwazi ngezoBomi


IThekhinoloji


EzoBugcisa neNkcubeko
nyuka